






UMPHANDLE|UBOMI BAKHO|IMIBA|USHICILELO |IZALATHISO |URHULUMENTE|IITHENDA|IMISEBENZI





English
|
Afrikaans
|
Malunga
|
Qhagamshelana
|
Uncedo
|
Funa nzulu  |



 





Umphandle > Ushicilelo > IiNkcukacha Zoluntu > W > Wena Nenkxaso-mali Yesondlo Somntwana: INkxaso-mali Yesondlo Somntwana Ijongana Nezona Mfuno Zimlungeleyo Umntwana &gt Ingaba Kusafuneka Ndihlawule Inkxaso-mali Yesondlo Somntwana Ukuba Omnye Umzali:

Ingaba Kusafuneka Ndihlawule Inkxaso-mali Yesondlo Somntwana Ukuba Omnye Umzali:




* uphinda atshate nelinye iqabane?
* uthi azimanye nelinye iqabane ngeqhina lothando?
* akandivumeli ukuba ndibabone abantwana bam?


Ilungelo labantwana bakho lokufumana iimfuno zabo ezingundoqo alinanto yakwenza nokuba ucinga ukuba omnye umzali wabo uziphethe njani na.

Abantwana bakho basayidinga inkxaso, futhi wena kusafuneka uyihlawule inkxaso-mali yesondlo sabantwana abo, nokuba umzali ohlala nabo uthi aphinde atshate okanye azibandakanye nelinye iqabane eluthandweni.

Kwakhona, abantwana bakho kusafuneka,beyifumene inkxaso-mali yesondlo sabo nokuba awukwazi kubabona. Uxanduva lwakho lokubondla ubakhulise lahluke ngokupheleleyo kwilungelo labo lokukubona. Uxanduva lwakho lokuhlawula alixhomekekanga tu ekubeni unakho na ukubabona okanye hayi.


UMTHAMO | < Icandelo Elingaphambili | Icandelo Elilandelayo >


UMTHAMO: Wena Nenkxaso-mali Yesondlo Somntwana: INkxaso-mali Yesondlo Somntwana Ijongana Nezona Mfuno Zimlungeleyo Umntwana

* INkxaso-mali Yesondlo Somntwana Ijongana Nezona Mfuno Zimlungeleyo Umntwana
* Ngubani Onoxanduva Lokubonelela Umntwana Ngeemfuno Zakhe Ezingundoqo?
* Yintoni Indlela Yenkxaso?
* Kutheni Kufuneka Uhlawule iNkxaso-mali Yesondlo Somntwana Nje?
* Ihlawulwa Njani Inkxaso-mali Yesondlo Somntwana?
* Ingaba Kusafuneka Ndihlawule Inkxaso-mali Yesondlo Somntwana Ukuba Omnye Umzali:
* Kwenzeka Ntoni Xa abazali Benabo Abanye Abantwana?
* Sibalwa Njani Isixa Senkxaso-mali Yesondlo Sabantwana?
* Kwenzeka Ntoni Xa Inkxaso-mali Yesondlo Sabantwana Ingahlawulwanga?
* Yintoni Endinokuyenza Ukukhusela Ezona Mfuno Zingundoqo Zabantwana Ngokwenkxaso-mali Yesondlo?





This content also available in English | Hierdie inhoud is ook beskibaar in Afrikaans

YAYAMENE

* Ukufumana Umyalelo Wenkxaso-mali Yesondlo Somntwana (IiNkonzo)
* Ukunyanzelisa Ukuthotyelwa Komyalelo Wenkxaso-mali Yesondlo Somntwana (IiNkonzo)
* Maintenance Act, 99 of 1998 (UMthetho) (ifumaneka ngesiNgesi kuphela)



Umxholo okweli phepha wagqibela ukuhlaziywa nge- 11 uNovemba 2004



Ingaba kukho nto ungayiqondiyo kwiintetho zaseburhulumenteni



| IMIBUZO? Sibuze nje wena: questions@capegateway.gov.za



Isigama Esinokusetyenziswa | uMgaqo-nkqubo Wemfihlelo | Ilungelo Lobunini







I-Cape Gateway yinkonzo karhulumente ejoliswe kubemi beNtshona Koloni, ebonelela ngolwazi ngorhulumente wedolophu, owephondo nowesizwe





