﻿
INkqubo yokuNika aMandla aMaxhoba oBugebenga noBundlobongela
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

INkqubo yokuNika aMandla aMaxhoba oBugebenga noBundlobongela ekuthiwa yi-Victim Empowerment Programme , iphembelela ukusekwa nokuhlanganiswa kweenkqubo nemigaqo phakathi kwamasebe okanye phakathi kwamacandelo, yokuxhasa, ukukhusela kunye nokunika amandla amaxhoba obugebenga nobundlobongela.

I-VEP inika ingqwalaselo eyodwa kwabasetyhini nasebantwaneni. Amaxhoba obundlobongela basekhaya asebunzimeni angahlala kwiziko lokusithela isithuba esiphakathi kweeveki ezimbini neenyanga ezintandathu, kuxhomekeke kwiimeko zabo.

Le nkqubo ifumaneka kumaxhoba obugebenga nobundlobongela.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Nxulumana nalo naliphina iziko lokuxhasa ixhoba, indawo yokusithela yabasetyhini abaxhatshazwayo kunye nabantwana babo, umniki-nkonzo karhulumente okanye umbutho ongekho phantsi kukarhulumente obandakanyeka ekunakekeleni amaxhoba obundlobongela basekhaya.
Nxulumana nendawo yokusithela ekwindawo ohlala kuyo okanye tsalela umnxeba kwiNombolo yoNcedo yokuNQANDA ukuXhatshazwa kwaBasetyhini ekuthiwa yi-STOP Women Abuse Helpline, ethi: 0800 150 150.
Umcebisi, umniki-nkonzo zempilo, ilungu leNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika okanye ipolisa, unontlalontle, utitshala okanye nawuphina umntu onomnqweno obambekayo kwintlalontle yomkhalazi , angenza isicelo somyalelo wokhuselo .
Qinisekisa ukuba xa umntu othile, ongenguye umkhalazi, ezisa isicelo somyalelo wokhuselo, esi sicelo kufuneka sikhatshwe yimvume ebhaliweyo yomkhalazi.

Akukho fom iqingqiweyo yale mvume ibhaliweyo – incwadi esuka kumkhalazi, enika imvume ebhaliweyo, iyakwanela. Kodwa ke, zikho iimeko ezithile apho imvume ebhaliweyo ingangabiyomfuneko, ezifana naxa umkhalazi


Engumntwana ongekabinalungelo lokuzenzela izigqibo ngokusemthethweni

Edodobele ngengqondo

Engekho zingqondweni okanye

Ukubangaba inkundla yonelisekile ukuba umntu obandakanyekayo akanako ukunika le mvume ifunekayo.



Entla

Umthetho osetyenziswayo



Domestic Violence Act, 1998  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ixesha elifunekayo lokuqhubekisa umyalelo wokhuselo liyahluka ngokweenkundla kwaye lixhomekeke kumhla wokubuya , obekwe ngumabhalane wenkundla.
Le nkonzo iyakunikwa phantsi kweemfuneko zeMigangatho eSisiseko yokuNikwa kweeNkonzo, ekuNikweni kwaMandla kuMaxhoba , ekuthiwa zii-Minimum Standards for Service Delivery in Victim Empowerment. .
Unontlalontle kunye nemibutho engekho phantsi kukarhulumente kufuneka

baxhase amaxhoba kwisikhululo samapolisa, enkundleni nasezibhedlele, ndawonye nokunika umkhalazi amandla xa ecela ukuncediswa; kwaye
banike inkcazelo malunga nemigaqo eyakulandelwa, amalungelo omkhalazi, indlela yokufumana umyalelo wokhuselo okanye ezinye iinkqubo ezifumanekayo umkhalazi angakhetha kuzo.

Luxanduva lukanontlalontle ukwenza ezi zinto zilandelayo:

ukuthumela amaxhoba kwamanye amacandelo nakwezinye iinkqubo ukuze kwenziwe olunye ungenelelo, umzekelo, umyalelo wokhuselo, uncedo lwezonyango, iinkonzo zodliwano-ndlebe lokucebisa kunye nendawo yokusithela engenye;
anike ubungqina bobuchule njengomsebenzi wale nyewe, ngokwazi iingxaki nobunzima kubudlelwane bangaphakathi kwiintsapho ;
abengumlamleli nomdibanisi kwinkundla yomthetho, apho ingxelo yobungqina bomntwana inikwa ngokweenkonzo zomlamleli nomdibanisi;
anike iinkonzo zodliwano-ndlebe lokucebisa kwixhoba nakuyo yonke ifemeli;
avelise isicwangciso sokhuseleko lwexhoba okanye lwamaxhoba .


Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Form 2 – Application for Protection Order
Form J 480 E iyafumaneka kwi-ofisi yoPhuhliso lweNtlalo ekufuphi kuwe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano

0800 60 10 11


