
Indlela yokujonga ukuhlawulwa kwe-VAT ngabaniki-nkonzo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Inkqubo yokujonga ukuhlawulwa kwerhafu ebizwa ngokuba yi-VAT ngabaniki-nkonzo yindlela yokukhangela kunxibelelwano lwe-website, engasetyenziswa ngamashishini, uluntu, abakhenkethi kunye namasebe karhulumente.

Le nkqubo ingasetyenziselwa ukuqondisisa ukuba ngaba abantu abanika iinkonzo bayibhalisele na i-VAT, kunye nokukhuthaza ukuxelwa kwabantu abangayihlawuliyo irhafu.

Wona amashishini enza ubuyekezo lwemali engaphantsi kwe R300 000 ngonyaka akukho mfuneko yokuba abhalisele i-VAT. Onke amashishini ahlawulisa i-VAT kufuneka abhaliswe kwaye ayihlawule le VAT kwi-South African Revenue Service .

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Khangela uMthengisi/iNkamapni etsala iVAT  ngonxibelelwano lwekhompyutha ngokusebenzisa:

igama arhweba ngalo lo mniki-nkonzo
inombolo ye-VAT

Eli gama kufuneka ibeleli gama nqo libhalisiweyo arhweba ngalo umniki-nkonzo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Value-added Tax Act, 1991  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Le nkonzo ifumaneka kwangoko kwi-website ye-SARS.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Khangela kunxibelelwano lwekhompyutha.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


