﻿Isicelo selayisensi yokuqhuba inkonzo yeposi engabekelwanga iziko elithile
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Isicelo sokubhalisa kuMgqaliseli weeNkonzo zePosi  ukuze uqhube inkonzo yeposi engabekelwanga iziko elithile, kufuneka siqingqwe ngendlela, kwaye sihambisane nomgaqo, ochazwe nguMphathiswa ngokweziphakamiso ezenziwe nguMgqaliseli .

Imali yesicelo engabuyiswayo eyi- R500 ihlawuleka ngekhetshi, ngetshekhi eqinisekiswe yibhanki okanye ngotshintshelo lobuxhakaxhaka bomatshini.

Ubhaliso lusebenziseka ithuba lonyaka omnye ukusukela kumhla wokukhutshwa kwesatifiketi sobhaliso.

Ezi nkonzo zilandelayo zibekelwe iPosi yaseMzantsi Afrika  kuphela:

Ukuhambisa iileta ezineedilesi
Ukuhambisa impahla nezinto ezinobunzima obuyikhilogrem enye okanye nangaphantsi
Ukuhambisa iisilinda ezinobude obuyi- 458 mm okanye nangaphantsi, ububanzi obuli-100 mm kunye nobunzima obufikelela kwikhilogrem enye
Ukukhutshwa kwezitampu zokuposa
Ukunikwa kwenkonzo yokuqokelela ecaleni kwendlela kunye neebhokisi zee-adresi.

Ezi aziwabandakanyi amashishini anika iimveliso zawo, afana nommntu othengisa nocwangcisa iintyatyambo, usosilarha okanye ivenkile yegrosari.

Abantu abazimele bucala okanye amashishini azimele bucala, akhululekile enze isicelo selayisensi yokuqhuba inkonzo yeposi engabekelwanga iziko elithile .

Isicelo sokubhalisa kuMgqaliseli weeNkonzo zePosi ukuze uqhube inkonzo yeposi engabekelwanga iziko elithile, kufuneka siqingqwe ngendlela, kwaye sihambisane nomgaqo, ochazwe nguMphathiswa ngokweziphakamiso ezenziwe nguMgqaliseli .

Imali yesicelo engabuyiswayo eyi R500 ihlawuleka ngekhetshi, ngetshekhi eqinisekiswe yibhanki okanye ngotshintshelo lobuxhakaxhaka bomatshini.

Ubhaliso lusebenziseka ithuba lonyaka omnye ukusukela kumhla wokukhutshwa kwesatifiketi sobhaliso.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe lezoNxibelelwano

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Zalisa ifom yesicelo ngokuphindwe kathathu.
Hlawula imali efunekayo ngekhetshi okanye ngetshekhi eqinisekiswe yibhanki:

kwiSebe lezoNxibelelwano 
Nedbank Account 1462003206, Branch 146245, Ref: Registration fee

Hambisa ifom yesicelo kwiSebe lezoNxibelelwano, uyihambise nobungqina bentlawulo.
Thumela ubungqina bentlawulo ngefeksi kwinombolo ethi: 12 427 8536.
Faka ezi zinto zilandelayo:

Isatifiketi sobhaliso lweshishini
Iikopi eziqinisekisiweyo zayo yonke imiqulu ebandakanyekayo yokuseka ishishini
Iinkcukacha zabantu abanezabelo kunye nepesenti yesabelo somntu ngamnye onesabelo
Iinkcukacha zeziko eliphetheyo
Isicwangciso seshishini esineenkcukacha ezigcweleyo


Ukungaphumeleli ukuhambisana nayo nayiphi na kwezi mfuneko kungakhokelela ekubeni isicelo sakho singavumeleki ukuba siqwalaselwe.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Postal Services Act, 1998  UmThetho weeNkonzo zePosi

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ilayisensi ingalunga emva kweentsuku ezingama- 30.

Entla

Iindleko

Intlawulo yobhaliso engabuyiswayo eyi- R500

Intlawulo yelayisensi yi- R25 000


Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Isicelo sokubhalisela ukuqhuba iinkonzo zeposi ezingabekelwanga iziko elithile: IFom PRR 1 



Entla

Iinkcukacha zonxulumano


