﻿

Isicelo selayisensi yethelevijini 





Inkcazelo

Ilayisensi yethelevijini igunyazisa umntu ukuba athenge ithelevijini kwaye abukele ithelevijini .

Xa uqala ukuthenga ilayisensi ye-TV, uhlawula imali epheleleyo yonyaka, eyi R225. Ixabiso lelayisensi esisibonelelo yi R65 ngonyaka.

Aba bantu balandelayo bayafaneleka bafumane ilayisensi esisibonelelo:

Nabanina oneminyaka yobudala engama 70 okanye nangangaphezulu kwaye ongahlali nabantu abangabaxhomekeki okanye abangengobaxhomekeki abaneentshukumo zezoqoqosho.
Nabanina owamkela igranti yentlalo – yabantu abadala, yokukhubazeka okanye yamagqala avela emfazweni – kwiSebe loPhuhliso lweNtlalo

Imibutho kufuneka ibenelayisensi ye-TV nganye enayo. Amakhaya wona kufuneka abenelayisensi enye eyeyazo zonke ii-TV ezisendlini.

Umthengisi kufuneka achazele abantu abafuna ukuthenga abangenazilayisensi ukuba abanako ukuthenga i-TV bengavezanga ubungqina belayisensi yethelevijini. Abantu abazakuthenga i-TV bangenza izicelo zelayisensi ePosini ekufutshane okanye bacele umthengisi abathengele ilayisensi ye-TV.

Ilayisensi ivuseleleka qho ngonyaka.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya TV Licences.

Inkqubo emayilandelwe

Yenza isicelo ePosini ekufuphi okanye kumthengisi ogunyaziselwe ukukhupha iilayisensi ze-TV.
Hambisa ezi zinto zilandelayo:
Incwadi yakho yesazisi
Ifom yesicelo ehamba nentlawulo yesicelo
Ubungqina be-adresi yendawo kunye ne-adresi yokuposa, zihambe nenombolo yomnxeba.

Ungasenza isicelo nakwi-online ethi: www.tvlic.co.za.

Umthetho osetyenziswayo



Broadcasting Act, 1999  (UMthetho wokuSasaza



Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo 

Isicelo singathabatha iiyure ezimbalwa.

Iindleko

R225
Ilayisensi esisibonelelo yi R65 

Iifom

Application form for TV Licence 

Linkcukacha zonxulumano



