
Isicelo senani lobhaliso endleleni
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Inani lobhaliso endleleni likhutshelwa abemi bamazwe angaphandle abangenayo incwadi yesazisi yaseMzantsi Afrika, ithathwa njengendlela eyamkelekileyo yenani lokwazisa elisetyenziswa kulo naluphina urhwebo endleleni.Inani lobhaliso edleleni liyafuneka xa ummi welizwe langaphandle efuna ukubhalisa imoto eMzantsi Afrika.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Yiya kwi ofisi yamagosa endlela ekufutshane.
Gcwalisa ifomu ANR,yeSicelo neSazisi ngeNani loBhaliso eNdleleni.
Yiza nala maxwebhu alandelayo:


ikopi yencwadi yokundwendwela eqinisekisiweyo okanye imvume yokuhlala yethutyana
incwadi yesazisi ekhutshwe ngokusemthethweni.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



National Road Traffic Act, 1996  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathabatha iivekiezintandathu ukuqulunqa isicelo.

Entla

Iindleko

