
Ukuvavanya imbewu ngeenjongo zesikhalazo nempikiswano
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

ISikhululo esiGunyazisiweyo sokuVavanya iMbewu, ekuthiwa yi-Official Seed Testing Station  siphanda ngeempikiswano nezikhalazo malunga nemimiselo ephathelelene nembewu ngokomThetho wokuPhuculwa kweZityalo, wowe- 1976 .

Ungazixela ezinye izikhalazo okanye iimpikiswano zokuvavanywa kwembewu ezayamene nomgangatho wembewu, kodwa kufanele uqale unxulumane ne-OSTS  ukuze uqonde ukuba ngaba bukhona na ubuchule obuyimfuneko kuhlobo lovavanyo nakudidi lwembewu okanye kudidi lwembewu. Le nkonzo iyafumaneka kuye nawuphina umntu, umbutho, iziko, inkampani okanye umfama.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Ukubangaba ufuna ukufaka isikhalazo okanye impikiswano malunga nomgangatho wembewu, thumela incwadi kunye namabinza embewu kwaye uxele yonke inkcazelo eyayamene nesikhalazo okanye impikiswano. Bandakanya iinkcukacha zovavanyo oluqhutywe ngamanye amaziko okuvavanya imbewu.
Ungalikha ngokwakho ibinza lembewu, kodwa kubonwa kuyinto ekhethekayo ukukhiwa okugunyazisiweyo kwebinza ngumphengululi kwi-ofisi yengingqi yeCandelo loBuqondisi be-SAAFQIS .
Hambisa la mabinza ukuze avavanywe.
Ukubangaba isikhalazo siyavakala, oko kukuthi, umgangatho awuhambisani nemimiselo yoMthetho wokuPhuculwa kweZityalo, wango 1976 , akukho ndleko. Ukubangaba isikhalazo asivakali, imali engokomlinganiselo wentlawulo evunywe liCandelo likaNongxowa kufuneka ihlawulwe kwaye kuyakukhutshwa i-invoice.
Intlawulo ingenziwa ngomatshini okanye ihlawulwe ezi-ofisini, kodwa kuyimfuneko ukuba inombolo ye-invoice ixelwe ukuze kungqamaniswe imali efakiweyo ne-invoice ekhutshiweyo. Nazi iinkcukacha zeBhanki:

Bank : Standard Bank
Branch name : Arcadia
Branch code : 01-08-45
Account number : 011244887
Account name : NDA: Seed Testing Services.

Iziphumo zophando olungenasizathu sivakalayo ziyakwenziwa zifumaneke kuphela kwakube kuhlawulwe i-invoice.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Plant Improvement Act, 1976  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

I-OSTS ibeka phambili ukuvavanywa kwamabinza embewu ngeenjongo zeempikiswano okanye izikhalazo. Ukunaba nokuxanda kwempikiswano okanye kwesikhalazo, oko kukuthi, inani lamabinza, iintlobo zezityalo kunye nohlobo lovavanyo oluyakuqhutywa, ziyakuchaphazela ixesha eliyakuthatyathwa ukuze kuqhutywe uphando. Ngoko ke, akukho nkcazelo iyakunikwa malunga nomgangatho wenkonzo ofikelelwayo. Buzisa kwiziko ngokwalo .

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa xangaba isikhalazo siyavakala. Ukanti ke, ukubangaba isikhalazo asivakali, kwimeko nganye, kukhutshwa imali ngokwale milinganiselo yentlawulo ilandelayo ivunyiweyo yokuvavanya imbewu:

