
Ukuvavanywa kweesampuli ezigunyazisiweyo zembewu
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

ISebe leZolimo livavanya iisampuli ezigunyazisiweyo zembewu ukuze iqinisekise uhlambuluko, ukuntshula kunye nokuphila.

Ziindidi zembewu ebhengezwe ngokomthetho i-Plant Improvement Act, 1976, kuphela ezigunyaziselwa ukuthathelwa iisampuli nokuvavanywa ukuze kuqondwe umgangatho wazo. Iisampuli ezigunyazisiweyo ziyavavanywa ngeenzame zokuqinisekisa ukuba kuthengiswa kuphela imbewu ehambisana nemimiselo yomthetho i-Plant Improvement Act, 1976, kwaye ephawulwe ngokuchanekileyo nangokunyanisekileyo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Abaphengululi kwii-ofisi zengingqi zeSebe leZolimo bakha iisampuli ngokuzenzekelayo kwi-trade control  nakwi-imported seed  kubantu abathengisa imbewu, oko kukuthi imibutho, amaziko, iinkampani, amaqumrhu oshishino kunye namafama.

Zonke izixa ezikhoyo zembewu, oko kukuthi ezorhwebo neziqinisekisiweyo, zithathelwa ingqalelo.

Izixa zembewu ezakukhiwa njengesampuli zikhethwa ngale ndlela ilandelayo:


ukukhethwa kwezixa zembewu ngokuzenzekelayo

izixa zembewu ezikrokrelekayo

iindidi zemveliso yezityalo eziyingxaki.



Branch name: Arcadia
Branch code: 01-08-45
Account number: 011244887
Account name: NDA: Seed Testing Services

Ungalibali ukufaka inombolo ye-invoice ukuze ilungelelaniswe ne-invoice ekhutshiweyo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Plant Improvement Act, 1976  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

ISikhululo esiGunyazisiweyo sokuVavanya iMbewu sisebenzisa inkqubo yokuvavanya ebeka phambili imiba ethile. Njengoko iindidi ezahlukeneyo zeemveliso zezityalo zivavanyelwa phantsi kweemeko ezahlukeneyo, ixesha elingathatyathwa kuvavanyo lingahluka ukusukela kwiintsuku ezimbalwa ukuya kwiiveki ezimbalwa. Buza kwiziko elo lovavanyo .

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Akukho zifom zizaliswayo.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


