﻿
IiMeko neMiqathango yokuSetyenziswa

Nawuphina umntu ovula le website  ukwenza oko phantsi kweemeko nemiqathango exelwe kwesi saziso sasemthethweni, kwaye uyazivuma iimeko nemiqathango exelwe kwesi saziso sasemthethweni. Ukubangaba umsebenzisi akanqweneli kubopheleleka kwezi meko nakule miqathango, umsebenzisi akanakuyivula, aveze, asebenzise okanye akhuphe futhi kungenjalo akope okanye asasaze, okanye kungenjalo akope okanye asasaze imiba equlathiweyo efunyenwe kule website.


1. USetyenziso kunye neLungelo lokuKhusela uMsebenzi owenziweyo

1.1 Abasebenzisi bangajonga, bakope, bakhuphele kumatshini wesiqhelo, baprinte kwaye basasaze imiba equlathwe kule website okanye nayiphina inxenye yayo, ngeenjongo zokufumana ikcazelo okanye zokubhekisa nokucaphula kuphela, kunye nangeenjongo ezingezizo ezorhwebo.

1.2 Abasebenzisi abanqwenela ukusebenzisa imiba equlathwe kwesi siza  ngeenjongo zorhwebo, bangakwenza oko kuphela ngemvume ebhaliweyo abaqale bayifumana kuManejala we-Web , kwinombolo yomnxeba ethi: +27 12 314 2140 okanye kwi email ethi: electronic@gcis.gov.za. Naluphina uveliso ngokutsha kunye nokwenza ikopi, okanye ukwenza ikopi yemiba equlathwe apha, ngeenjongo zorhwebo, kufuneka kubandakanye esi saziso selungelo lokukhusela umsebenzi owenziweyo , ngokupheleleyo: © GCIS2004: ALL RIGHTS RESERVED.

1.3 Onke amalungelo endlela yokuziphatha kunye nawaphina amanye amalungelo eNkqubo yeNkcazelo noNxibelelwano lukaRhulumente, ekuthiwa yi-Government Communications and Information System , okanye elinye iziko lasemthethweni ekuqulathwe imiba yalo kwesi siza, anganikwanga pahaha, abekiwe.

2. Amalungelo eMpahla neZinto eziyiMveliso yeNgqondo

Yonke imiba equlathiweyo, uvimba wenkcazelo, iimpawu okanye amagama okwazisa ngempahla nezinto okanye ngeemveliso, kubandakanywa, kodwa kungaphelelanga kuzo, izixhobo ezifakwa kwikhompiyutha, ubuchwepheshe, iziseko zokugcina nezinguvimba wenkcazelo, ulwazi lokwenza into ethile, umsebenzi othile obhaliweyo, ubugcisa bezinto ezizobiweyo neziphawulwe ngokubonakala ngamehlo, iimpawu ezimele izinto ezithile, izinxulumanisi ezigqithisela kwimiqulu ethile, inkcazelo yabucala, uyilo, inkqubo, upapasho, imveliso, inkqubo okanye umbono wasengqondweni, ochazwe kule website, zingaba phantsi kwamanye amalungelo, kubandakanywa amanye amalungelo empahla nezinto eziyimveliso yengqondo, ayimpahla ye-GCIS okanye anelayisensi enomnikazi oyi-GCIS, okanye iziko lasemthethweni, kwaye ngaloo ndlela ke akhuselweyo ekubeni aphulwe ngumthetho waseMzantsi Afrika kunye nezivumelwano zamazwe ehlabathi. Phantsi kwamalungelo anikwe umsebenzisi apha, onke amanye amalungelo kuzo zonke impahla nezinto eziyimveliso yengqondo kule website, abekwe pahaha, kwaye ngokuveza lo vimba wenkcazelo kule website, umsebenzisi akanikwa ilayisensi okanye akagunyaziswa.

3. Isitetimenti sokwala uxanduva

3.1 Le nkcazelo ikule website inenjongo yokunika inkcazelo ngokubanzi kwisihloko esithile okanye kwizihloko ezithile kwaye ayijongani naso sonke isihloko okanye zonke izihloko ngokugqibeleleyo.

3.2 Luxanduva lomsebenzisi kuphela ukuzanelisa phambi kokuvula le website malunga nokuba le website iyakuzifezekisa na iimfuno ezizezomsebenzisi, kwaye iyakufanelana na nobuxhakaxhaka kunye nezixhobo ezifakwa kwikhompiyutha, okanye iyakufanelana na nezixhobo ezifakwa kwikhompiyutha. Inkcazelo, imibono yasengqondweni kunye nezimvo ezivakaliswe kwesi siza mazingathathwa ngokuba ziingcebiso zobuchule boqeqesho okanye izimvo ezigunyazisiweyo ze-GCIS okanye zalo naliphina iziko lasemthethweni ekufakwe inkcazelo, imibono yasengqondweni kunye nezimvo zalo kule website. Abasebenzisi bayakhuthazwa ukuba babonisane neengcebiso zobuchule boqeqesho phambi kokuba bathabathe amanyathelo awayamene nenkcazelo, imibono yasengqondweni okanye izimvo ezivakaliswe kwesi siza.

3.3 I-GCIS ayimelanga nto okanye ayenzi zithembiso zokuqinisekisa, eziboniswe ngokungavelanga gca okanye ngenye indlela, zokuba, phakathi kwezinye izinto, imiba equlathwe apha kunye nobuchwepheshe obufumaneka kwesi siza abunazimpazamo okanye izinto ezishiyiweyo, okanye zokuba le nkonzo iyakusinda ngokupheleleyo  kuphazamiseko nakwiimpazamo, okanye iyakufezekisa indlela ethile yokwenza umsebenzi okanye yomgangatho. Esi siza sinikwa "njengoko sinjalo". I-GCIS iyazala pahaha zonke izithembiso zokuqinisekisa ezingavelanga gca, kubandakanywa, ngaphandle kokuqingqa, izithembiso zokuqinisekisa ukurhwebiseka nokuthengiseka, itayitile, ukulungela injongo ethile, ukungophulwa, ukufanelana, ukhuselo kunye nokuchaneka, kwaye ayimeli okanye ayenzi zithembiso zokuqinisekisa, ezivakaliswe pahaha okanye ngokungavelanga gca, malunga nemiba equlathwe yile website, namalunga nokuba i-website iqulungqelwe okanye ikhutshelwe ukufezekisa iimfuneko ezizezomsebenzisi. Abasebenzisi bayakhuthazwa ukuba bazixele naziphina iimpazamo ezinokuthi zibekhona, ukungasebenzi kakuhle okanye izinto ezikhubekisayo nezimanyumnyezi, ngokusebenzisa unxulumaniso lokunika inkcazelo ngeziphumo.

3.4 Ukusetyenziswa kwemiba equlathwe apha kule website kungumngcipheko womsebenzisi. Umsebenzisi uthabatha uxanduva olupheleleyo kunye nomngcipheko welahleko evela kusetyenziso lwemiba equlathwe apha kwesi siza. I-GCIS okanye naliphina iziko lasemthethweni ekufakwe inkcazelo yalo kwesi siza, okanye abaqeshwa be-GCIS, okanye elo ziko, abayikuba noxanduva lokufaneleka ekubeni bakhuphe intlawulo yembuyekezo yomonakalo elungiselelwe imeko ethile, engekho nqo, evela ngokwayamana, esisiphumo okanye esisohlwayo esogqitha imbuyekezo okanye nayiphina enye intlawulo yembuyekezo yomonakalo nokuba kungeyiphina indlela, nokuba kukumanyathelo ekhontrakthi, umthetho obhaliweyo owiswe yindlu yowiso-mthetho, isenzo esingalunganga nesaphula ilungelo , okanye ngenye indlela, eyayamene nokusetyenziswa kwalo mqulu okanye kwale nkcazelo. Ukubangaba nawuphina umba kule idlulileyo awunyanzeliseki ngokupheleleyo ngenxa yaso nasiphina isizathu, le iseleyo imiba yona iyakuqhubeka ukusebenziseka naxa kunjalo. Phantsi kwecandelo 43 necandelo 43 loMthetho woNxibelelwano neNtengiselwano ngokoMatshini woMbane , i-GCIS ayiyikubanoxanduva lokufaneleka kuyo nayiphina intlawulo yembuyekezo yomonakalo, ilahleko okanye uxanduva lokufaneleka lwalo naluphina uhlobo nokuba kuyiyo nayiphina indlela, oluvela ekusetyenzisweni okanye ekungakwazini ukusebenzisa le website, okanye iinkonzo okanye imiba equlathiweyo ekhutshwa ngale website okanye enikwa ngokwale website.

3.5 Unxulumaniso oluthile kwisinikezeli seenkqubo ze-web lukhokelela kwizinto ezisetyenziswayo ezigcinwa nezilondolozwa ngababandakanyeki besithathu i-GCIS engenalawulo kubo. I-GCIS ayimeli nto okanye ayenzi sithembiso sokuqinisekisa ngokumalunga nokuchaneka kwezo zinto zisetyenziswayo okanye nawuphina omnye umba owayamene nezo zinto zisetyenziswayo.

3.6 Imimiselo yeCandelo 2 leSahluko III soMthetho woNxibelelwano neNtengiselwano ngokoMatshini woMbane , apha iyakhutshwa kubandakanyeko lokusebenziseka kulo naliphina unxibelelwano lombane kunye nemiyalezo yovimba wenkcazelo umsebenzisi ayithumela kwi-GCIS ngokwale website. Naluphina unxibelelwano okanye umyalezo wovimba wenkcazelo othunyelwa ngumsebenzisi kwi-GCIS uyakuthathwa ngokuba ufunyenwe yi-GCIS xa ukufunyanwa kuvunyiwe ngencwadi ebhaliweyo. Ukubangaba umatshini womsebenzisi awuyifumani impendulo kwisithuba sexesha elithile elinengqiqo, umsebenzisi kufanele abuzise kwi-GCIS. I-GCIS ayiyikubanoxanduva lwemfaneleko yako nakuphina ukungaphumeleli ukuphendula.

3.7 Ukubangaba umsebenzisi udinga nayiphina inkcazelo kwi-GCIS malunga neenkonzo zayo okanye imiba equlathwe kule website, kungasetyenziswa unxulumaniso lokunika inkcazelo ngeziphumo.

4. Ukukhuseleka

4.1 Ukhuselo

I-GCIS inemigangatho yorhwebo enengqiqo yobuchwepheshe kunye nokhuselo lokwenza imisebenzi ukuze ikhusele yonke inkcazelo enikwe ngabasebenzisi, ekulahlekeni, kusetyenziso kakubi, kuguqulo okanye kutshatyalaliso. Kuyakuthatyathwa wonke amanyathelo anengqiqo ukuze kukhuselwe inkcazelo yomsebenzisi. Abasebenzi abagunyazisiweyo abanoxanduva lokugcina nokulondoloza nawuphina uvimba wenkcazelo enikiweyo efanele ukunonophelwa, bafuneka ukuba bagcine loo vimba wenkcazelo eyimfihlo. Lo mgaqo usebenziseka kubo bonke abaqeshwa be-GCIS okanye amaqumrhu oluntu angafumana loo nkcazelo kwi-GCIS. Kuyatsoliswa ukungavumeleki kwakhe nawuphina umntu, ishishini okanye iziko ukuba lifumane okanye lizame ukufumana ufikelelo olungagunyaziswanga kulo naliphina iphepha kule website, okanye lifake okanye lizame ukufaka uvimba wophawu olonakalisayo okanye olunenjongo yokwenzakalisa kule website. Ukubangaba umntu ufaka okanye uzama ukufaka nawuphina uvimba wophawu owonakalisayo okanye oneenjongo zokwenzakalisa kule website, okanye uzama ukufumana ufikelelo olungagunyaziswanga kulo naliphina iphepha kule website, loo mntu uyakumangalelwa ngesenzo sobugebenga, kwaye, ukubangaba i-GCIS, okanye naliphina iqumrhu loluntu lingonakalelwa okanye lifumane ilahleko, kuyakubangwa intlawulo yembuyekezo yomonakalo wentlalo.

4.2 UNxulumaniso kunye nokuNgqinga

Zamkelekile ii-websites zababandakanyeki besithathu ukuba zinxulumane nenkcazelo efakwe kula maphepha. Kuyatsoliswa ukungavumeleki kwakhe nawuphina umntu, ishishini, iziko okanye i-website ukuba ingqinge naliphina iphepha kule website, kubandakanywa iphepha langaphakathi, ngayo nayiphina indlela konke konke, ngaphandle kwemvume ebhaliweyo neqale yafunyanwa ye-GCIS.

4.3 Unxulumano nee-Websites zaBabandakanyeki beSithathu

I-GCIS inganika unxulumaniso nezinye ii-websites ukwenzela nje kuphela ukuba kubelula futhi kubeluncedo, kwaye ukufakwa kwalo naluphina unxulumaniso akubonisi ukuba i-GCIS iyazivuma ezo ziza. Ii-websites ezinxulumanisiweyo okanye amaphepha anxulumanisiweyo awekho phantsi kolawulo lwe-GCIS. I-GCIS ayinaxanduva okanye xanduva lokufaneleka, nqo okanye ngokungekho nqo, ngayo nayiphina indlela, kwimiba equlathiweyo, ukusetyenziswa okanye ukungakwazi ukusebenzisa, okanye ukuveza naziphina ii-websites ezinxulumanisiweyo okanye naluphina unxulumaniso oluqulathwe kwi-website enxulumanisiweyo.

5. Ukubanethuba lakho wedwa labucala
5.1 Intshayelelo

Isitetimenti sokubanethuba lakho wedwa labucala sisebenziseka kwi-GCIS nakulo naliphina iziko lasemthethweni, elilawula, elingqinisisa okanye elisebenzisa inkcazelo engaqokelelwa ngokwesi siza.
Umsebenzisi angatyelela esi siza ngaphandle kokunika inkcazelo ngaye ubuqu. Nangona kunjalo, umsebenzisi uyaluvuma usetyenziso lwalo vimba wenkcazelo ngokuhambisana nesi sitetimenti sokubanethuba lakho wedwa labucala. Nceda uqaphele ukuba esi siza singaqulatha unxulumaniso nezinye iziza ezingalawulwayo sesi sitetimenti sokubanethuba lakho wedwa labucala.
Ukubangaba umsebenzisi unemibuzo okanye uneenkxalabo ezithile malunga nesi sitetimenti sokubanethuba lakho wedwa labucala okanye ithuba lomsebenzisi eyedwa, ngelilixa asebenzisa le Website, kungasetyenziswa unxulumaniso lokunika inkcazelo ngeziphumo.

5.2 Amaqebengwane enkcazelo

I-GCIS ingasebenzisa amaqebengwane enkcazelo  okanye iintlantsi ze-web , ukuze iqinisekise ukuba i-website ilawulwa kakuhle kwaye iphembelele ukuphuculwa kwesiza. I-GCIS okanye umniki-nkonzo okanye abaniki-nkonzo bayo bangasebenzisa amaqebengwane enkcazelo ukuze baqokelele uvimba wenkcazelo equngeneyo. I-GCIS ingasebenzisa ezo zixhobo kumaxesha ngamaxesha ukuze ikhangele inkcazelo kwiinkqubo zayo kwaye ichonge amacandelo wabasebenzisi ngemiba efana ne-adresi ye-IP, indawo egqamileyo ye-internet, uhlobo lomhloli kunye namaphepha atyelelweyo. Le nkcazelo ixelwa kumlawuli we-web, othi ke yena asebenzise le nkcazelo ukuze acubungule inani labasebenzisi kwimimandla eyahlukeneyo yesiza kwaye aqinisekise ukuba esi siza sisebenza njengomthombo wenkcazelo oluncedo nofezekisayo.
Amaqebengwane enkcazelo kunye neentlantsi ze-web zizombini, aziyibambi inkcazelo yobuqu efana negama lomsebenzisi okanye i-adresi ye e-mail. Umsebenzisi angawala amaqebengwane enkcazelo njengoko uninzi lwezihlolisi zivumela ukuba umntu awale amaqebengwane enkcazelo. Phantsi kweemeko ezithile, abasebenzisi bangalelwa ufikelelo kwezinye iindawo zale website ukubangaba izihlolisi zabo zilungiselelwe ukwala amaqebengwane enkcazelo.

5.3 Usetyenziso lwenkcazelo yobuqu

Inkcazelo yobuqu isetyenziswa kuphela ngeenjongo eziqingqiweyo, umzekelo xa umsebenzisi ebhalisa kwi-website ukuze acele unxibelelwano lwexa elizayo malunga nemimandla yeminqweno ye-GCIS. I-GCIS ingayisebenzisa inkcazelo enikwe ngumsebenzisi ukuze iseke ubume bobuqu ukuze iqhelanise iindlela zayo zokusabela kwizicelo ezizayo okanye kwizicelo zokubuzisa kunye nokuphucula i-website. Xa umsebenzisi ekhetha ukubhalisa kwi-online ukuze afumane imiba ekhutshwa yi-GCIS, i-GCIS iyakusebenzisa inkcazelo enikwe ngumsebenzisi ukuze iphendule umsebenzisi. Ngaphezulu koko, umlawuli we-web, apho kuyimfuneko, angasebenzisa inkcazelo yomsebenzisi kwimisebenzi eyahlukeneyo eyayamene nesiza. I-GCIS iyakuqinisekisa ukuba nayiphina imisebenzi yentengiso iyahambisana nomthetho obandakanyekayo kwaye isetyenziswa ngemigaqo yokufumana imvume eyimfuneko phambi kokuthumela i-e-mail yomsebenzisi equlathe inkcazelo ngeenkonzo ze-GCIS. Naninina, umsebenzisi angacela i-GCIS ukuba iyeke ukuthumela loo nkcazelo kumsebenzisi, ngokusebenzisa unxulumaniso lokunika inkcazelo ngeziphumo okanye lokucima ubhaliso.

5.4 Ukuveza inkcazelo kubabandakanyeki besithathu

Nangona nje i-GCIS inganika inkcazelo yomsebenzisi kubaniki-nkonzo abaphatha inkcazelo egameni layo, ayidli ngokwabelana ngenkcazelo nababandakanyeki besithathu okanye amanye amaziko oluntu ngeenjongo ezikwinqanaba lesibini okanye ezingayamenanga, ngaphandle kokuba kuvezwe ngenye indlela kwindawo yokuqokelela.
Inkcazelo yobuqu ingakhutshwa ngokwamazwe ehlabathi ngokwe-GCIS okanye kubabandakanyeki besithathu ngeenjongo ezichazwe apha ngasentla. Oku akuyi kubandakanya utshintshelo kumazwe angenamigaqo yokukhusela uvimba wenkcazelo efana naleyo isetyenziswa kwilizwe ekuhlala kulo umsebenzisi. Ngokunika inkcazelo kwi-GCIS ngokwale website, umsebenzisi uyaluvuma olo tshintshelo.
Xa kufanelekile, inkcazelo ngobuqu bomntu ingavezwa kwii-arhente zokunyanzelisa umthetho, okanye ezokugqalisela okanye ezinye ii-arhente zikarhulumente okanye ababandakanyeki besithathu xa kuyimfuneko okanye kunqweneleka ukuze kuhanjiswane noxanduva lwasemthethweni okanye logqaliselo okanye nezicelo, okanye ngeenjongo ezichazwe apha ngasentla.

5.5 Ukufikelela kwiNkcazelo yoBuqu

Ukubangaba inkcazelo yobuqu ithunyelwe kule website, abasebenzisi abanqwenela ukuqwalasela ngokutsha inkcazelo yabo yobuqu bangakwenza oko ngokucela olo qwalaselo ngokutsha ngonxulumaniso lokunika inkcazelo ngeziphumo. Abasebenzisi bayakuthi ke bakwazi ukufikelela kubume babo bobusebenzisi, balungise kwaye bafake inkcazelo yakutshanje kwiinkcukacha zabo, okanye bacime ubhaliso naninina. Abasebenzisi abanengxaki ngokuveza ubume babo bobusebenzisi, okanye abangathanda ukucela ikopi yenkcazelo yobuqu babo, kufanele banxulumane nomlawuli we-web ngokusebenzisa unxulumaniso lokunika inkcazelo ngeziphumo. Kuzo zonke iimeko, i-GCIS iyakujongana nezicelo zokuveza inkcazelo okanye zokuguqula inkcazelo ngokuhambisana neemfuneko ezibandakanyekayo zasemthethweni.

5.6 Akukho sivumelwano

Akukho nto equlathwe apha eseka okanye enenjongo yokuseka ikhontrakthi okanye isivumelwano phakathi kwe-GCIS kunye nawuphina umsebenzisi otyelela le website.

5.7 Ukhuselo lwethuba elilodwa nelabucala labantwana

I-GCIS iyakuqonda ukubaluleka kokukhusela ithuba elilodwa nelabucala labantwana kwimiba yonxulumano lwe-online.

6. Ukubanako ukuqhawuleka

Ezi meko nemiqathango yokusetyenziswa zibandakanya ubudlelwane obupheleleyo bobuchule boqeqesho okanye obunye ubudlelwane phakathi kwe-GCIS nomsebenzisi wale website. Nakuphina ukungaphumeleli kwe-GCIS ukusebenzisa okanye ukunyanzelisa naliphina ilungelo okanye ummiselo wezi meko nale miqathango yokusetyenziswa, akuyikubandakanyanya nangayiphina indlela, ukubekela ecaleni nokuyeka elo lungelo okanye loo mmiselo. Ukubanngaba nayiphina imeko okanye umqathango wokusetyenziswa kwale website awunyanzeliseki ngokupheleleyo okanye awusebenziseki ngokwemfaneleko ngokupheleleyo, ngenxa yaso nasiphina isizathu, loo meko okanye ezo meko okanye loo mqathango okanye loo miqathango iyakuqhawuleka kwezi meko nemiqathango iseleyo. Iimeko nemiqathango eseleyo ayiyikuchaphazeleka koko kunganyanzeliseki okanye ukungasebenziseki ngokwemfaneleko, kwaye iyakuhlala inyanzeliseka kwaye isebenziseka.

7. Ukunika inkcazelo yakutshanje kwezi Meko nakule Miqathango

I-GCIS iyalibeka ilungelo lokuguqula, ukulungisa, ukongeza okanye ukususa kwinxenye okanye kuzo zonke ezi meko nemiqathango yokusetyenziswa, kumaxesha ngamaxesha. Iinguqu kwezi meko nakule miqathango yokusetyenziswa ziyakuqala ukusebenza zakube ezo nguqu zifakwe kule website. Luxanduva lomsebenzisi ukumana ekhangela ezi meko nale miqathango yokusetyenziswa kule website ukuze ajonge iinguqu okanye imiba yenkcazelo yezinto zakutshanje. Ukumana kusetyenziswa le website ngumsebenzisi emva kokufakwa kweenguqu okanye imiba yenkcazelo yakutshanje, kuyakuthathwa ngokuba sisaziso sokwamkela komsebenzisi ukulandela kunye nokubopheleleka kwezi meko nakule miqathango yokusetyenziswa, kubandakanywa ezo nguqu okanye loo nkcazelo yakutshanje.

8. Inkcazelo malunga ne-website kunye nomnikazi

8.1 Igama elipheleleyo kunye nobume basemthethweni bomnikazi we-website lithi:

Government Communication and Information System , iSebe loRhulumente weLizwe leRiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika, njengoko limelwe liGosa leSigqeba eliyiNtloko  le-GCIS.

8.2 I-adresi ye-website yale website ithi: http://www.services.gov.za

8.3 Iinkcukacha zonxulumano nomnikazi we-website:

I-adresi yokuPosa:
Government Communication and Information System
Private Bag X745
PRETORIA
0001

I-Adresi yeSitalato:
Government Communication and Information System
Midtown Building No. 356
Cnr Prinsloo and Vermeulen Streets
PRETORIA
South Africa

Inombolo yomnxeba: +27 12 314 2911
Inombolo yefeksi: +27 12 323 3831

E-mail: electronic@gcis.gov.za

Top




