

Isicelo sephepha-mvume lokuqhuba lethutyana

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

I iphephamvume lokuqhuba lethutyana likhutshelwa abaqhubi abasemthethweni abangaba:

abalindele izigqebhezana zabo zamaphepha-mvume okuqhuba
abenze isicelo sokuvuselela amaphepha-mvume abo okuqhuba
abalahlekelwe ngamaphepha-mvume abo okuqhuba.

Eli phepha-mvume liphelelwa lixesha emva kwee nyanga ezintandathu futhi ikhutshwa yiyo nayiphi na indawo yokuvavanyelwa iphepha-mvume lokuqhuba.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa I fomu i DL1, isicelo sephepha-mvume lokuqhuba.
Uphathe ezi zinto zilandelayo:

incwadi yesazisi okanye incwadi yokundwendwela
imifanekiso emibini elingana neyesazisi, ibe mhlophe namyama.

Uvavanyo lwamehlo luzokwenziwa ngaphambi kokuba likhutshwe iphepha-mvume lokuqhuba lethutyana.
Bhatala imali ebekiweyo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



National Road Traffic Act, 1996  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Iphepha-mvume lokuqhuba lethutyana likhutshwa kwangolosuku lesicelo.

Entla

Iindleko

