
Isicelo semvume yemoto yethutyana
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Xa unemoto engazange ibhaliswe nengenamaphepha-mvume ofuna ukuyiqhuba endleleni kawonke-wonke ngenjongo yokuya kuyibhalisa, ukuyenzela iphepha-mvume,ukuyihambisa kwabarhweba ngeemoto, evavanya imoto, eyiqhuba imoto ukuya nokubuya apho ilungiswa khona,ukuya kubacwaningi beemoto okanye ukuyoyithatha kumthengi ohluleka ukuyibhatala, kufuneka ufumane imvume yexeshana yokuyiqhuba.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifomu lesicelo TSP1, yesicelo semvume yethutyana kwi ofisi yamagosa endlela ekufutshane nawe okanye iziphathi-mandla zobhaliso.
Thumela ikopi yencwadi yesazisi.
Bhatala imali ebekiweyo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



National Road Traffic Act, 1996  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo siqulunqwa kwangolosuku.

Entla

Iindleko

