﻿

Isicelo sesikhokelo sokuxhuzula irhafu – ingxowa-mali yomhlala-phantsi ehlawula ngonyaka

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Esi sicelo kufuneka sifakwe xa umntu efikelele kwiminyaka yobudala yomhlala-phantsi kwaye enqwenela ukuxhamla iinzuzo ezivuniweyo kwipolisi yomhlala-phantsi ehlawula ngonyaka.

Esi sicelo singenziwa naxa ilungu lifuna ukutshintshela iinzuzo zalo zengxowa-mali yomhlala-phantsi ehlawula ngonyaka lizise kwenye ingxowa-mali yomhlala-phantsi ehlawula ngonyaka.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yokuxhuzula irhafu, uyithumele kwi-South African Revenue Service .
Kufuneka le nkcazelo isisiseko yesicelo ukuze kuqhubekiswe isicelo sesikhokelo serhafu:

ifani yomrhafi
oonobumba bokuqala bamagama omrhafi
umhla wokuzalwa womrhafi
inombolo ye-ID yomrhafi okanye enye inombolo eyodwa yokwazisa ngaye
uhlobo lwesicelo sesikhokelo serhafu
isizathu sesicelo sesikhokelo serhafu
i-adresi yendawo kunye nokhowudi yeposi yomrhafi
i-adresi yeposi kunye nekhowudi yeposi yeziko okanye yomqashi
umvuzo wonyaka womrhafi.

Ukubangaba awuyinikanga inombolo yokwazisa yerhafu , chaza isizathu sokungabhaliswa.

Eyona ndlela ilula kakhulu yokwenza isicelo sesikhokelo kukusifaka nge-eFiling. Isicelo sakho sesikhokelo esenziwe ngale ndlela sidla ngokuvunywa kwisithuba seeyure ezingama 48.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Income Tax Act, 1962  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo sesikhokelo serhafu esenziwe nge-eFiling sidla ngokuvunywa kwisithuba seeyure ezingama 48.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Zalisa uze ungenise ifom yakho yesicelo ngonxibelelwano lwekhompyutha. Okunye ongakwenzayo, kukuyikopa  ifom: Request for a Tax Deduction Directive, Form C  ekhompyutheni, uze uyizalise.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


