﻿
Isicelo somnyinyiva wokuxolelwa malunga nokulobela ukuphila nokulobela amashishinana amancinane
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ukulobela ukuphila kunxulumene noluntu olusemanxwemeni olusebenzisa izinto eziphilayo zaselwandle njengento oluyityayo, nangona besenokuthi bazithengise okanye bananiselane ngazo apho kulo ngqingi bakuyo. Njengangoku, abalobi abalobela ukuphila balawulwa ngeminyinyiva yokuxolelwa de kube lelo thuba lokuba kumiselwe umgaqo-nkqubo onokusetyenziswa malunga noku. Ukuze umntu abenako ukufikelela kwizinto eziphilayo zaselwandle njengomlobi olobela ukuphila, makenze isicelo somnyinyiva wokuxolelwa kuqala ukuze avunyelwe ukuba enze umsebenzi wokuvuna iintlanzi okanye enze imisebenzi enxulumene nokuloba, elobela ukuphila nokwenzela iinjongo zokushishina ngokungephi.

Ukuze usebenzisa ilungelo lakho lokuloba, yenza isicelo somnyinyiva wokuxolelwa esivunywa nguMphathiswa weSebe leMicimbi yokusiNgqongileyo noKhenketho okanye omnye umntu onegunya lokwenza okophantsi kwesiqendu 81 kuMthetho we-Marine Living Resources Act, . Ukuze umntu anikwe umnyinyiva wokuxolelwa, makenze isicelo kwiiKomiti ezisebenzisanayo zoLawulo zeNgingqi  kwaye kufuneka afaneleke kuzo zonke iimfuneko ezimiselweyo. Ngokomthetho akukho mntu uya kulobela injongo yokuphila okanye ukulobela injongo yokushishina okungephi ngaphandle kwemvume.

Umnyinyiva wokuxolelwa unokuhlaziywa qho ngonyaka kwaye ukungabinako ukubambelela kule miqathango yomnyinyiva wokuxolelwa kungaba nesiphumo sokunqunyanyiswa, ukurhoxiswa okanye ilungelo lokurhoxiswa kwawo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Yenza isicelo somnyinyiva wokuxolelwa ngokusebenzisa iikomiti zolawulo ezisebenzisanayo zengingqi zakuba izicelo zomnyinyiva wokuxolelwa ziphelelwe ekupheleni konyaka ngamnye.

Abalobi abasanda kungena/kujoyina kufuneka bafaneleke kwiimfuneko zokulobela ukuphila nokulobela iinjongo zokushishina okungephi phambi kokuba kukhutshwe imvume yomnyinyiva wokuxolelwa.

Umenzi-sicelo makabonise ukuba leliphi na icandelo okanye icandelo lokuloba aza kusebenza kulo.

Imeko yabo banemvume yomnyinyiva wokuxolelwa yangokunje iyangqinisiwa phambi kokuba abalobi banikwe imvume ukwenzela unyaka olandelayo, xa kungenzeka ukuba bangabinakho ukufaneleka kwiimfuneko ezimiselweyo, bayakhutshwa kuluhlu.

Amagosa esebe abiza intlanganiso yabahlali ukuze akhuphe iimvume zomnyinyiva wokuxolelwa kubo bonke abalobi ababhalisiweyo.

Phambi kokukhupha imvume zomnyinyiva wokuxolelwa abasebenzi besebe bacacisa imiqathango yemvume yomnyinyiva wokuxolelwa nomthamo oqingqiweyo womthwalo.

Bonke abanemvume zomnyinyiva wokuxolelwa balindeleke ukuba basayine kuluhlu lokuvuma ukuba bazifumene iimvume zabo zomnyinyiva wokuxolelwa.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



The Marine Living Resources Act, 1998  

The National Environmental Management Act, 1998  

The National Biodiversity Act, 2004  

The National Marine Protected Areas Act, 2003  

The Sea Birds and Seals Protection Act, 1973  


Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Inkqubo yokwenza isicelo ingathatha inyanga enye okanye ngaphezulu ngokuxhomekeke kumthamo wezicelo.

Entla

Iindleko

Iimvume zomnyinyiva wokuxolelwa zikhutshwa ngaphandle kwentlawulo.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Akukho zifom zigcwaliswayo.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


