﻿

Ubhaliso olulodwa njengenzululwazi eqeqeshiweyo – Ukwamkelwa kwemfundo namava angaphambili

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

IBhunga loMzantsi Afrika lemiSebenzi yezeNzululwazi  liyakwamkela ukuba abantu abathile abazange babe nalo ithuba lokufumana imfundo ekwiqondo lamaziko aphakamileyo eyalelwa leli Bhunga ukuze kube nokubhaliselwa olo qeqesho. Noxa kunjalo abantu abanjalo kusenokwenzeka ukuba baba negalelo elingathethekiyo kuluntu lwezenzululwazi kwiminyaka emininzi edlulileyo kwaye basenokuqhuba besenjenjalo iminyaka emininzi.

IBhunga liye lagqiba ekubeni linike abantu abanjalo ithuba lokufaka izicelo zokubhalisela ukuba ziiNzululwazi eziQeqeshiweyo phantsi kwemiqathango ethile.

Nabanina ongenasiqinisekiso sivunyiweyo liBhunga angafaka isicelo.

Abafaka izicelo kufanele ukuba:

bahlonitshwe ngoogxa babo ngenxa yobuchule babo kwicandelo abalikhethileyo lomsebenzi;

babe negalelo kuluntu lwezenzululwazi

babe neminyaka eli-10 ubuncinane yamava angaqhawulwanga afanelekileyo oqeqesho kanye phambi kokufaka isicelo kwelo cadelo lomsebenzi abawunqwenelayo.


Qaphela: Ukuba ushiye umsebenzi wakho ngeli thuba leminyaka eli-10, awusayi kuvunyelwa ukuba ubhalise phantsi kolu lawulo lolwazelelelo.

Uvavanyo lwezicelo luya kwenziwa yiKomiti eCebisayo yemiSebenzi efanelekileyo, ukuvunywa kuya kwenziwa yiKomiti yoBhalis yeSACNASP ukuze ugunyaziso lwenziwe liBhunga liphelele.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Zalisa ifomu yesicelo eqingqiweyo ukuze ubhalise.
Ngenisa ifomu esayiniweyo kunye nala ipotifoliyo engokufunda namava equlethe:

ubungqina obufanelekileyo boqeqesho oluqingqiweyo nolungaqingqwanga - iikopi eziqinisekisiweyo zeziqinisekiso zezidanga okanye zeediploma, kuquka neengxelo zezifundo zala manqanaba
ingxelo ebanzi yamava omsebenzi oqeqehelwe wona kweli candelo lomsebenzi ofake isicelo kulo
uluhlu lwezinto ezipapashiweyo
ubungqina bobulungu kwimibutho yezifundiswa, umz. Umbutho waseMzantsi Afrika weNzululwazi nobuGcisa bezokuTya ; iQumrhu laseMzantsi Afrika leeKemikhali ; Umbutho waseMzantsi Afrika wezoLwakhiwo lomhlaba .

Ubuncinane, iingxelo ezipheleleyo ezintathu  othe waziqulunqa okanye obe negalelo elikhulu kuzo. Ukuba akukwazi ukuzingenisa ezo ngxelo ngenxa yemfihlelo ethile, elo galelo kufuneka libe nokuqinisekiswa.
Ubungqina obufungelweyo obucacisa ukuba lo ngumsebenzi wakho kwaye ucacise indima yakho oyidlalileyo kwezo ngxelo uzifakileyo.
Ubungqina obufungelweyo babantu ababini obakhethileyo abanokungqinisisa ngezakhono zakho kweli candelo lakho lomsebenzi.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

.

Natural Scientific Professions Act, 2003  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ubhaliso lungathatha iiveki ezi-6 ukuya kwezi-8, kuxhomekeke ekungenisweni kwamaxwebhu afunwayo.
Iqela labantu ababini ubuncinane abonyulwe yiKomiti eCebisayo yezemiSebenzi  yeSACNASP liya kudlana indlebe nawe.

Isiphumo sovavanyo siya kwaziwa kuphela emva kwentlanganiso yeBhunga.


Entla

Iindleko

Registration fees including Vat:

Professional Natural Scientist: R665 per field of practice
Candidate Natural Scientist: R365 per field of practice
Certificate Natural Scientist: R430 per field of practice
Upgrading of registration status: R665 per field of practice

Annual fees including Vat:

Professional Natural Scientist: R600 per field of practice
Candidate Natural Scientist: R240 per field of practice
Certificate Natural Scientist: R385 per field of practice
Pensioner : R130

Ukufaka imali ebhankeni ngeintanethi nokufaka imali ngqo: Nceda usebenzise oonobumba bokuqala bamagama kunye nefani ukuchonga intlawulo yakho kwingxelo yethu yebhanki, uze uthumele ngefekisi ubungqina bentlawlo leyo kunye nephepha LOKUQALA lefomu yakho yesicelo kule nombolo 012 841 1057.

Iinkcukacha zokubhankisha:
Umntu ozuzayo: SACNASP
Nedbank
Yesebe lebhanki: Silverton
Ikhowudi yesebe lebhanki: 164445
Inombolo yeakhawunti: 1644292289

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

.

Application for Professional Registration 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


