﻿
Isicelo somnyenyevu wentlalo, wokuphuma embandezelweni
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Cost
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo



Umnyenyevu wentlalo wokuphuma embandezelweni luncediso lwexeshana olunikwa abantu abakwinzima nenkxwaleko yokuswela kangangokuba abanako ukufezekisa nkqu nezona mfuno zingundoqo nezisisiseko zeentsapho  zabo.

Ngubani ongafumana umnyenyevu wentlalo wokuphuma embandezelweni?

Urhulumente angakunika umnyenyevu wentlalo wokuphuma embandezelweni ukubangaba ukwilixa lobunzima. Obu bunzima bungaba ngenxa yezi meko zilandelayo:

udinga uncedo ngelilixa ulinde iigranti zabantwana ziphunyezwe ngurhulumente
uhlelwe yinto embi okanye intlekele, umzekelo utshelwe yindlu
awuvumelekanga ufumane igranti, yaye usengxingweni
awunako kwaye awukulungelanga ukusebenza ngenxa yempilo – oku kuthetha ukuba uyagula iinyanga ezingaphantsi kwesithandathu
awunako ukufumana isapoti komnye umzali womntwana okanye wabantwana
umntu olithemba lokondla usapho  ubhubhile
umntu olithemba lokondla usapho uvalelwe entolongweni ixeshana elifutshane , okanye
uchatshazelwe yintlekele, kodwa ummandla okanye indawo ohlala kuyo ayibhengezwanga njengommandla wentlekele.

Ukunika ntoni urhulumente?

UMnyenyevu weNtlalo wokuPhuma eMbandezelweni ungawunikwa ngokwesiqhuma sokutya okanye ngokwetikiti lokuthenga  ukutya. Amanye amaphondo alunika ngokwemali olu ncediso. UMnyenyevu weNtlalo wokuPhuma eMbandezelweni unikwa ixeshana elifutshane kuphela – idla ngokuba lixesha elithi ga kwiinyanga ezintathu, yaye maxa wambi lingaya kutsho kwiinyanga ezintandathu.

Entla

Inkqubo emayilandelwe



Yenza isicelo somnyenyevu wentlalo wokuphuma embandezelweni kwi-ofisi yoPhuhliso lweNtlalo ekufuphi kuwe.
Hambisa ezi ncwadi zilandelayo nesicelo sakho:
Incwadi yakho yesazisi enomqukumbelo nemivo yamanani eli 13 kunye nezatifiketi zokuzalwa zabantwana bakho.
Lamaphepha alandelayo ayafuneka ukuze ufake isicelo, xa incwadi yesazisi okanye isitifiketi singekho:

isitatimenti esifungelwengumfungisi, isitatimenti esifungelwe kumele siqinisekise ngamagama atshoyo ukuba umntu angathetha ubuxoki okanye athethe inkcukacha ekungezizo eziyinyani, lowo mmntu uyakutshutshiswa ngokwesekisheni 21 yomthetho wezontlalontle ka 2004
isitetimenti esifungelwe ngummtu ohloniphekileyo wendawo owazi ummntu lowo ofaka isicelo kungaba lilungu lekhansela, inkosi, unontlalontle okanye umfundisi
ubungqina obutshoyo ukuba isitifiketi sokuzalwa okanye incwadisazisi ifakiwe kwisebe lezasekhaya
incwadi yesazisi yexeshana ekhutshwe lisebe lezasekhaya
isitifiketi sokubhaptizwa
ikhadi lekliniki
incwadi evela esikolweni.




Isaziso: Asikho isicelo esizosetyenzwa xa isitetimenti esifungelwe okanye iafudafiti ingekho.
Kukwafuneka unike ubungqina bezi zinto zilandelayo:
wenze isicelo segranti
uthwaxwe yimeko emaxongo 
uzamile ukufumana isapoti
awunankxaso ingenye
utshatile, uqhawule umtshato  okanye awutshatanga
awunamali ekungenelayo, okanye
unokhubazeko lwempilo lwexeshana elifutshane.


Entla

Umthetho osetyenziswayo





Social Assistance Act, 2004  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo



Isicelo sakho siyakuphunyezwa ngoko nangoko.
Sakuba sifakiwe isicelo sakho siyakuvavanyelwa ukukholeleka kwanokuba ngenene uyayidinga na le nkonzo.
Nokuba awunazo zonke ezi ncwadi ziyimfuneko, uyakusifumana isiqhuma sokutya, itikiti lokuthenga ukutya okanye imali yenyanga yokuqala, ngaphandle kwazo.
Ungalibali ke kodwa ukusa zonke iincwadi kwigosa phambi kokuba kufike ixesha lentlawulo yenyanga yesibini. Ukuba awuzisanga iincwadi, usenokungasifumani isiqhuma sokutya, itikiti lokuthenga ukutya okanye imali yenyanga yesibini neyesithathu.
Ukubangaba awukafumani siqabu kubunzima okubo, emva kokuba ufumene le granti iinyanga ezintathu, ungenza isicelo sokuba le granti inyenyiselwe ezinye iinyanga ezintathu.

Entla

Iindleko



Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Nceda uqhagamshelane neofisi yesebe ekufutshane nawe.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


