
Isicelo sokuseka i-learnership , njengomniki-nkonzo zoqeqesho    
Inkcazelo


Abaniki-nkonzo zoqeqesho kufuneka benze isigqibo sokuba luhlobo luni loqeqesho abangalunika. Kufuneka banikwe uqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa nguGunyaziwe weCandelo leMfundo noQeqesho ekuthiwa yi-Sector Education and Training Authority , phambi kokuba baqalise uqeqesho. Abaniki-nkonzo zoqeqesho kunye nabaqashi bazimanya kwintsebenziswano yokuqalisa ii-learnerships .



Ukuze ufumaneinkcazelo ebanzi, yiya kwiSebe leZabasebenzi.

Inkqubo emayilandelwe



Abaniki-nkonzo zoqeqesho mabenze isigqibo sokuba zeziphi ii-learnerships abanganika uqeqesho kuzo.

Abaniki-nkonzo zoqeqesho kufuneka banikwe uqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa  yi-SETA. Abaniki-nkonzo zoqeqesho abanganikwanga uqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa abanako ukunika iinkonzo zee-learnesrhips.

Ukuze anikwe uqinisekiso lokuvunywa nokwamkelwa, umniki-nkonzo zoqeqesho kufuneka:

Aphuhlise uludwe lwemiba efundwayo  ye-learnership ngokwemigangatho yoGunyaziwe weeKhwalifikheyshini waseMzantsi Afrika ekuthiwa yi- South African Qualifications Authority ;

Alandele iinkqubo ezifanelekileyo zemfundo, uqeqesho kunye nophuhliso; kwaye

Abhalise njengeGcisa loPhuhliso lweMfundo noQeqesho, ekuthiwa yi-Education and Training Development Practitioner .


Xa abaniki-nkonzo zoqeqesho sele beyikhethile i-learnership, kuyakufuneka bafune abaqashi ukuze banike abafundi amava omsebenzi.

Abaniki-nkonzo zoqeqesho kunye nabaqashi abayakunika amava omsebenzi kufuneka bavumelane malunga nezi zinto zilandelayo:

Inani labafundi abayakubaqeqesha;

Indlela ekuyakukhethwa ngayo abafundi; kunye

Nendlela abaya kufumana ngayo abafundi.


Abafundi bangaba ngabasebenzi asele beqashiwe ngumqashi okanye ingaba ngabantu abangasebenziyo. Nxulumana neziko lezabasebenzi elikufuphi kuwe ukuze uqonde ukuba iSebe leZabasebenzi lingakunceda njani ukuze ufumane abafundi abangasebenziyo.

Abaqashi, abaniki-nkonzo zoqeqesho kunye nabafundi kufuneka batyikitye  isivumelwano se-learnership.

Abaniki-nkonzo zoqeqesho kufuneka baqalise uqeqesho ngomhla ekuvunyelwene ngawo kwisivumelwano se-learnership.




Umthetho osetyenziswayo



Skills Development Act, 1998  

Basic Conditions of Employment Act, 1997 , Sectoral Determination No 5 




Ixesha elithatyyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Kungathabatha ithuba elifika kwiintsuku ezingama 30 ukuze kusekwe i-learnership.

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.



Iifom ezigcwaliswayo

Yenza isicelo kwiSebe leZabasebenzi.


Iinkcukacha zonxulumano




