Z-Fold (Leaflet)
[Note: as per previous design, six panels available for content]
Panel 1 (cover)
SUKWENZA NGATHI AWUBONI
MAKUBEKHO INTO OYENZAYO NGOKUCHASENE NOPHATHO GADALALA
IINTSUKU EZILI-16 ZOKUZABALAZELA UKUTHI HAYI NGOBUNDLOBONGELA OBUBHEKISWE KWABASETYHINI NABANTWANA 
25 eyeNkanga – 10 eyoMnga
Panels 2 – 4
LIYINTONI IPHULO LENTSUKU EZILI-16 ZOKUZABALAZA?
IiNtsuku zokuZabalaza ezili-16: Hayi kubuNdlobongela obuBhekiselwe kwabaseTyhini liphulo lamazwe ngamazwe elenzeka ngonyaka eliqala ngowama-25 eyeNkanga (uSuku lwamaZwe ngamaZwe lokuzabalazela ukuthi Hayi ngobuNdlobongela obuBhekiswe kwabaseTyhini)  ukuya kumhla we-10 eyoMnga (uSuku lwamaLungelo oluNtu lwamaZwe ngamaZwe). 
Ngeli xesha, uRhulumente woMzantsi Afrika uqhuba iPhulo lokuZabalaza leeNtsuku ezili-16, elijolise ekunyuseni ukuqondwa kweempembelo ezimbi zobundlobongela kwabasetyhini kunye nasebantwaneni. Ukwajolise ekusebenziseni eli phulo ukuhlanganisa onke amacandelo oluntu ukuba kubekho into ayenzayo ngokuchasene nophatho gadalala.  
Urhulumente uzibophelele ekwakheni uluntu olukhathalayo nolunoxolo, olukhusela abasetyhini kunye nabantwana balo kuzo zonke iintlobo zobundlobongela. Ngexa iPhulo lokuZabalaza leeNtsuku ezili-16 liqhuba ukuqala ngowama-25 eyeNkanga ukuya kumhla we-10 eyoMnga nyaka ngamnye, iinjongo zalo zinyanzelwa kwakhona yiNkqubo yeeNtsuku ezingama- 365 zobude bonyaka kunye noYilo lweSizwe.
Nyaka ngamnye, urhulumente, ehlangene nemibutho yoluntu kunye necandelo lezoshishino, bayaqhuba besebenza kunye besenza banzi iimpembelelo zephulo. Ngokuxhasa eli phulo, amawaka abemi boMzantsi Afrika nawo ancedile ekunyuseni ukuqondwa kophatho gadalala kunye nokwakha inkxaso kumaxhoba kunye nakwabo basinde ekuphathweni gadalala.
YINTONI ONGAYENZA?
Xhasa iphulo ngokunxiba iribhoni emhlophe ngexesha leentsuku ezili-16: Iribhoni emhlophe luphawu loxolo kwaye izekelisa ukuzibophelela komntu oyifakileyo ekubeni angaze enze okanye angabuhoyi ubundlobongela obubhekiselwe kwabasetyhini kunye nasebantwaneni.  
Zimanye nephulo le-CyberDialogues: Ii-CyberDialogues ziqalelwe ukuba ziququzelele iingxoxo ezenziwa ngekhompyutha nabantu xa kuxoxwa ngemiba enxulumene nokuphathwa gadalala kwabasetyhini kunye nabantwana. Ngolwazi oluthe vetshe, yiya ku:   www.genderlinks.org.za okanye utyelele iZiko leeNkonzo ze-Thusongo (Thusong Service Centre) lengingqi yakho.
Thabatha inxaxheba kwimicimbi nemisebenzi yeeNtsuku ezili-16 zokuZabalaza: Kukho ikhalenda yemicimbi eyenzeka kwilizwe ngokubanzi ukusukela ngowama-25 eyeNkanga ukuya ngomhla we-10 eyoMnga. Ukuze uyibone yonke le micimbi, yiya ku: www.womensnet.org.za/calendar.shtml. 
Volontiya uxhase imibutho engekho ngaphantsi kukarhulumente kunye namaqela oluntu axhasa abasetyhini kunye nabantwana abaphethwe gadalala: Imibutho emininzi enceda amaxhoba kunye nabo basinde kuphatho gadalala ifuna uncedo oluvela eluntwini. Ungavolontiya ngexesha lakho uze ufake isandla kumsebenzi wokunceda amaziko.  Khangela umbutho kummandla wakho ekungakho indima oyidlalayo kuwo. Kwakhona ungafikelela kuluhlu lwemibutho encedayo ku: www.csvr.org.za. 
Iminikelo: Unganikela ngemali kwimibutho esebenzela ukuphelisa ubundlobongela obubhekiselwe kwabasetyhini kunye nabantwana ngokwenza umrhumo kuMbutho wamaLungelo oluNtu. Akukho buncinane okanye ubuninzi obubekelwe umnikelo wakho – kuxhomekeke kuwe! Ngolwazi oluthe vetshe, yiya ku: www.fhr.org.za okanye utsalele umnxeba u-012 440 1691.
Thetha phandle ngokuchasene nophatho gadalala olubhekiselwe kwabasetyhini kunye nabantwana: Khuthaza amaxhoba angawasetyhini athuleyo ukuba acele umngeni kuphatho gadalala. Kuxele emapoliseni ukuphathwa gadalala kwabantwana. 
Zimanye namaqumrhu oluntu obupolisa (CPFs) okanye amaqumrhu okhuseleko oluntu (CSFs): Uluntu kunye nezikhululo zamapolisa zengingqi ngamaqabane akhutheleyo ekuqinisekiseni ukhuselo nokhuseleko lwengingqi. Ngokuzimanya ne-CPF okanye i-CSF yengingqi, unganceda ekulweni ulwaphulo-mthetho kummandla wakho. Ngolwazi oluthe vetshe lokuba uzimanya njani, qhagamshelana nesikhululo samapolisa sengingqi yakho.
Panels 5 & 6
Ukuba ngaba uphethwe gadalala ngayo nayiphi na indlela okanye ukuba kukho umntu omaziyo ophethwe gadalala, fikelela kuye – mfumanele uncedo. 
INKONZO YAMAPOLISA OMZANTSI AFRIKA 10111
UKUCETYISWA NOKUXHASWA KWABASETYHINI
UmNxeba woNcedo kuMbhodamo weSizwe (Umnxeba wobomi) 0861 322 322
UmNxeba woNcedo wokuThintelwa kobuNdlobongela obuSekelwe kwiSini  0800 150 150
AbaNtu abaChasene nokuPhathwa Gadalala kwabaseTyhini 011 642 4345 
UMbutho weeNtsapho nemiTshato woMzantsi Afrika 012 460 0733
UThungelwano lweSizwe kubuNdlobongela obuChasene nabaseTyhini 012 321 4959
UKUCETYISWA NOKUXHASWA KWABANTWANA
UmNxeba wokunceda abantwana 0800 055 555
UKHUSELO LWEZENTLALO
Iimali zokuxhasa abantwana 0800 601 011 
UKHATHALELO LWEMPILO
Iikliniki ze-Marie Stopes 0800 11 77 85
IQela lokuDakumba neNkxalabo 011 783 1474
UMnxeba woncedo lwe-AIDS  0800 012 322
UNCEDO lwe-AIDS 0860 100 646
UNCEDO LOMTHETHO
IBhodi yoNcedo lomThetho 011 845 4311
AmaGqwetha amaLungelo oluNtu 011 339 1960
AMAPHULO AMADODA AXHASA UKUNGABIKHO KOBUNDLOBONGELA
IProjekithi yamaDoda njengamaQabane 011 833 0504
ULWAZI
IProjekithi yokuFundisa ngoDlakathiso ngokweSondo 011 403 0541
IZiko loPhando ngobuNdlobongela noXolelwaniso  011 403 5650
