﻿
Abemmi beloMzantsi Afrika ababanjwe kumazwe aphesheya
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Phantsi kweNgqungquthela yaseVienna emalunga noBudlelane babaMmeli-lizwe  – umgangatho owamkelwa jikelele kuwo onke amazwe, abantu ababanjwe ngaphandle kwamazwe abo kufuneka babe nokufikelela kubameli babo babammeli-lizwe. Abemi beloMzantsi Afrika abakule meko kufuneka bacele abasemagunyeni ngoko nangoko ukuba babavumele baqhagamshelane nommeli weloMzantsi Afrika okwelo zwe. Okunye kokokuba kubekho umntu onokukumela aqhagamshelane nommeli weloMzantsi Afrika kwelo zwe okanye icandelo leeNkonzo zabaMmeli-lizwe kwiSebe lemiCimbi yezangaPhandle ePitoli.

Amagosa abaMmeli-lizwe afuna ukuqinisekisa ukuba abemmi baseMzantsi Afrika ababanjwe phesheya baphathwa ngendlela enobuntu ngeli xa baseluvalelweni. Kulo mba, imiba efana nokungcungcuthekiswa, impatho egadalala okanye ethoba isidima okanye isohlwayo siya kuxelwa sijongwe kunye nabasemagunyeni bengingqi. Imigaqo ePhantsi eMileyo yeZizwe eziManyeneyo yokuPhathwa kwamaBanjwa isetyenziswa njengesikhokelo.

Zeziphi iinkonzo ezinikwa ngamaGosa abaMmeli-lizwe kubantu baseMzantsi Afrika abaseluvalelweni phesheya?

Amagosa abaMmeli-lizwe:

ammisela uqhagamshelwano kunye nabantu abaseluvalelweni kwakamsinya emva kokuqinisekisa ubumi babo baseMzantsi Afrika. Oku kwenza ukuba abantu baseMzantsi Afrika ababanjwe, baseluvalelweni okanye basentolongweni, phantsi komthetho welizwe langaphandle baqonde amalungelo abo kwakunye neenkonzo ezinikwa nguRhulumente weloMzantsi Afrika. Uqhagamshelwano luya kwenziwa ngokudibana nomntu, ngokubhala, ngokutsala umnxeba, okanye ngoonozaku-zaku abafanelekileyo, kuxhomekeke kwimeko ezithile.
anika ulwazi olubanzi malunga nenkqubo yomthetho yelo zwe lokubanjwa. Ulwazi olo lungaquka; iinkcukacha malunga noncedo lwezomthetho  kunye notshutshiso, uluhlu lwamagqwetha , ukubuyisela entolongweni, ibheyle namanyathelo okubhena ukuze abaseluvalelweni babe nokuqonda ngamalungelo abo kwaneenkqubo eziqukwayo.
agcina uqhagamshelwano nabemmi beloMzantsi Afrika ababanjwe phesheya ngeli xa baqaphela imithetho nemigaqo yorhulumente obambileyo.
andwendwela iintolongo. Ukundwendwelwa rhoqo kweentolongo kuxhomekeke kumgaqo-nkqubo olandelwayo ngelo xesha, indawo, inkcubeko nemithetho yombuso obambayo, kwakunye nemeko yokhuseleko egqubayo elizweni nasentolongweni.
aqhagamshelana nosapho okanye abahlobo- kuphela ukuba oko kucelwe ngoseluvalelweni ngokubhala. Akukho qhagamshelwano luya kwenziwa, oknaye lwazi luya kunikwa nabanina ngaphandle kwemvumelwano ebhaliweyo ebhalwa ngabemmi beloMzantsi Afrika abaseluvalelweni okanye entolongweni.
aququzelela ukuthunyelwa kweemali zisuka kwiintsapho okanye kubahlobo abaseMzantsi Afrika zisiya kulowo uvalelweyo — ngokuthobela umthetho nemigaqo kaRhulumente weloMzantsi Afrika kunye naloo mbuso ubambayo. Isigunyaziso esikhoyo sichaza ukuba imali evela eMzantsi Afrika ithunyelelwa izinto zokuhlamba, ukutya nezinto zakhe  akufuneki idlule kuma-R2 000  ngenyanga. Esi sixa asiyi kudluliselwa kwinyanga elandelayo. Qhagamshelana necandelo leeNkonzo zabaMmeli-lizwe ukuba ufuna uncedo.
aqinisekisa ukuba iingxaki zezonyango zisiwa kumagunya eentolongo ukuze ziqwalaselwe.
aququzelela ukuthunyelwa nokuziswa kweeleta, amayeza nezinto zokufunda  ezivela kwiintsapho nabahlobo eMzantsi Afrika. Esi sibonelelo sixhomekeke kwizibonelelo nemirhumo ekhoyo yeSebe lemiCimbi yezangaPhandle kunye nemithetho nemigaqo yelizwe lokubanjwa. Le mali ingatshintshwa iphuculwe kumaxesha ngamaxesha.

Nceda Qaphela:

ISebe lemiCimbi yezangaPhandle kunye nabaMmeli beloMzantsi Afrika kwelaphesheya benza unakho-nakho ukuqinisekisa ukuba imali, iileta, izinto zokufunda namayeza zihanjiswa ngaphandle kokulityaziswa. Noxa kunjalo, izinto zokwenza eziphambili zoMzi woZakuzo, uMkhomishinala oPhezulu okanye uMmeli-lizwe baza kuqala. Iimeko zengingqi kwelo zwe nazo ziba nendima eziyidlalayo.

Amagosa abaMmeli-lizwe awakwazi ukunika ezi nkonzo zilandelayo kubantu baseMzantsi Afrika abaseluvalelweni:

ukuphembelela okanye ukungenelela kwiinkqubo zenkundla okanye zomthetho

ukufumana okanye ukunika ingcebiso yezomthetho

ukuququzelela ukukhululwa entolongweni okanye ibheyile

ukuya kwiindawo ezinobungozi okanye iintolongo

ukuphanda ulwaphulo-mthetho

ukufumana impatho engcono entolongweni kunaleyo ifunyanwa ngabantu baloo ngingqi — ngaphandle kokuba imigaqo ephantsi emileyo yezizwe ezimanyeneyo yempatho yamabanjwa ayisetyenziswa

ukuyalela izizalwane okanye abahlobo ukuba bathumele imali

ukuhlawula amatyala ezomthetho, ezonyango namanye

ukufumana indawo yokuhlala, umsebenzi, iimpepha-mvume zokundwendwela okanye imvume yokuhlala kuloo ndawo

ukuqwalasela umsebenzi owenziwe ziiarhente zezohambo, iinqwelo-moya, iibhanki okanye iinkampani eziqeshisa ngeemoto

ukuncedisa ngokwasemthethweni abantu abanobuzwe ngambini kwilizwe labo lobummi besibini

kuhlawulela amalungiselelo, izithuthi, umngcwabo okanye ukutshiswa komzimba wommi waseMzantsi Afrika oswelekileyo.


Entla

Inkqubo emayilandelwe

Ukuba ubanjwe kwelaphesheya, qhagamshelana noMmeli weloMzantsi Afrika okufuphi IiNkonzo zabaMmeli-lizwe kwiSebe lemiCimbi yezangaPhandle ePitoli.

Abantu abanobuzwe ngambini ababanjwe kwilizwe lobunye ubuzwe babo abayi kufumana ncedo kubaMmeli beloMzantsi Afrika. Ukuba abantu abanobuzwe ngambini baye babanjwa kwelinye ilizwe, abangengobemmi balo, ngexesha beseluhambeni besebenzisa iincwadi zokundwendwela zelizwe labo lesibini, kuya kufuneka baqhagamshelane nabammeli belo zwe basebenzisa iincwadi zalo kolo hambo.


Entla

Umthetho osetyenziswayo

Inqaku 36 leNgqungquthela yaseVienna malunga noBudlelwane babaMmeli-lizwe 
Akukho siVumelwano sokuTshintshwa kwamaBanjwa esikhoyo phakathi koMzantsi Afrika namanye amazwe.

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Umgangatho wenkonzo ufunyaniswa ngokomba ngamnye kwaye uxhomekeke kwiimeko zelo zwe lokubanjwa.

Entla

Iindleko

ISebe lemiCimbi yezangaPhandle lifumanisa indleko apho kufuneka khona, ngokusekelwe kwiinkonzo ezinikiweyo.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Ummeli welaseMzantsi Afrika uya kunika lowo useluvalelweni iifomu zezicelo ezifanelekileyo.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


