IVEKI YOKUTHATHA INXAXHEBA KOLUNTU 9 - 15 KWEYENKANGA
[imiyalezo engundoqo]
IVeki yokuThatha iNxaxheba koLuntu liqonga lokomeleza uthetha thethwano nokudibana kukarhulumente nabantu. Eli qonga likwanika urhulumente ithuba lokuba athethe ngeNkqubo yakhe yeMisebenzi nenkqubela eyenzekayo. Ikhuthaza ukuthatha inxaxheba nobudlelwane phakathi koluntu norhulumente.  
IVeki yokuThatha iNxaxheba koLuntu inika urhulumente ithuba lokudibana nabahlali, ukuze aphendule acacise ngokuphunyezwa kwenkqubo yemisebenzi.  
Ukudibana okuthe ngqo phakathi kwamazinga omathathu karhulumente (elesizwe, elamaphondo neloorhulumente basekhaya) noluntu kungqina ukunxulumana kukarhulumente nabantu bakhe. 
Kuyo le veki abahlali norhulumente bayakudibana kumaqonga asekiweyo afana neekomiti zewadi, neentlanganiso zamacandelo ukuphakamisa imicelimngeni nokwabelana ngezisombululo.  
 Ukugxininisa kuza kujolisa ekungqineni ngokutsha ukuba abahlali bayinxalenye yabadali bezisombululo, ngenkxaso yokubandakanyeka kukarhulumente osebenzayo.   
 Umnxeba ongavalwayo kaMongameli ukwavelise amanyathelo ongezelelweyo okomeleza iingxoxo phakathi kukarhulumente noluntu, nokukhawulezisa ukunikezelwa kweenkonzo.  
Sihlangabezana nemicelimngeni esele ibonakele kwezinye iindibano okanye uphando.  
Sesenze inkqubela encomekayo kule minyaka ili-15 idlulileyo yenkululeko, kodwa imicelimngeni emininzi isaqhubekeka.   
Inani lemizi efumana amanzi liye landa ukusuka kuma-61.7% ngowe-1994 ukuya kuma-91.8% kweyoKwindla yowama-2009, kusekuninzi ekusafanele kwenziwe ukwandisa iinkonzo ukuze zifikelele nakwabo bantu bayintsalela.
Sisondele ekufikeleleni kwinjongo yethu yokuncothula inkqubo yokusetyenziswa kwamabhakethi kwiindawo zokuhlala ezisesikweni, ixesha elibekiweyo lokufikelela koku kumntu wonke ngowama-2014.  
Sisaxhalabile lizinga eliphezulu lokungabikho kwemisebenzi, ubuhlwempu, inkathalelo yezempilo engonelanga nokunqongophala kophuhliso, ingakumbi emaphandleni nasematyotyombeni.   
Masisebenzise la maqonga ukudibana nabameli boluntu ukuze sithintele ukutshatyalaliswa kwezinto eziluncedo kunye namaziko oncedo ajoliswe ukuba abeluncedo eluntwini. 
Sixhalabile ziinkonzo ezicothayo abathenjiswe ngazo abahlali; siyayazi ukuba xa sisebenzisana  kubehlulelani bobuchule singenza ngcono nangokukhawuleza.  
“Xa sisebenzisana, singenza ngcono”
