

Ifom yokubuyisa ingeniso-mali ephuma kutyalo-mali, amalungelo empahla kunye neemali ezihlawulwa ngenxa yokusebenzisa ilungelo elithile

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe| Umthetho osetyenziswayo| Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo| Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo| Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Le fom yokubuyisa kufuneka igcwaliswe xa kwenzeke oku kulandelayo:

kufunyanwa okanye kusongezeleka inzala kunye nezahlulo eziphuma kuGcino lwaMalungelo eMpahla 
kufunyanwa okanye kusongezeleka izahlulo zangaphandle
kufunyanwa okanye kusongezeleka ezinye izahlulo zalapha kweli
Iirenti ezipheleleyo ezihlawulwa njengomntu oqeshe indawo okanye eziqokelelwe njenge-arhente yomnye umntu ngokuphathelelene nempahla echaziweyo
iimali ezihlawulelwa ilungelo lokusebenzisa impahla 
iimali ezihlawulwa ngenxa yokusebenzisa ilungelo elithile  okanye iimali ezihlawulwa ngenxa yokusebenzisa uqambo, uyilo, igama nophawu okanye ilungelo lokushicilela nokuthengisa okanye ukukhuphela ulwazi olwayamene noqambo.

Qaphela: Le fom yokubuyisa iyinxenye ye IT 3: Ifom yokubuyisa inkcazelo ngokubanzi.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yokubuyisa eyi-IT 3: Ifom yokubuyisa inkcazelo ngokubanzi kunye nekopi yokuqala ye-IT 3.
Hambisa le fom yokubuyisa kwi-Ofisi ye-SARS ekwindawo ohlala kuyo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Income Tax Act, 1962  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Akukho xesha elisisigxina.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Return of general information, IT 3 
Return of income from investments, property, rights and royalties, IT3 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


