

Ifom yokuthumela inkcazelo ngemiba ephangaleleyo

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ifom yokuthumela inkcazelo ngemiba ephangaleleyo ivezela abaqashi ithuba lokunika i-South African Revenue Service  inkcazelo malunga nabaqeshwa babo abangaxhuzulelwanga irhafu njengoko kumiselwe kuMthetho weRhafu yeNgeniso-mali wango 1962 .

Entla

Inkqubo emayilandelwe

ULudwe lweNkqubo A: Umsebenzi neenkonzo 

Kwiimeko apho intlawulo yomvuzo womqeshwa elinganiswa nonyaka ingange R2 000 okanye nangaphantsi, kwaye irhafu yomqeshwa ibe ayixhuzulwanga, kufuneka kunikwe i-IT3  okanye uluhlu oludweliswe ngokoonobumba abalandelelanayo, oluchaza banzi ngale nkcazelo ilandelayo ngokuphathelelene nomntu othile:

oonobumba bokuqala bamagama kunye nefani okanye igama lokurhweba
inombolo yokubhekisa yeRhafu yengeniso-mali 
inombolo yesazisi okanye inombolo yepaspoti
i-adresi
imali yentlawulo yomvuzo
lithuba elingakanani eqashiwe, okanye umhla wolongezeleko
i-IT3 iyakukhutshwa kwezi meko zilandelayo:

Ukubangaba intlawulo yomvuzo epheleleyo yomqeshwa okanye intlawulo yomvuzo elinganiswa nonyaka ingange R2 000 okanye nangaphezulu kwaye ayigqithi ngaphaya komda obekelwe irhafu. .
Kwintlawulo esisixa sesambuku  engaxhuzulelwanga rhafu
Nayiphina intlawulo enikwe umntu yeenkonzo ezinikiweyo okanye eziyakunikwa, engaxhuzulelwanga rhafu.

MUSA ukuthumela inkcazelo ngokuphathelelene noku kulandelayo:

Iimali ezihlawulelwe iinkonzo ezinikwe ngabantu ngexesha abenza umsebenzi wabo wesiqhelo abawuqeqeshelweyo, umzekelo, oogqirha, amagqwetha, ii-advokheythi, abacwangcisi-mali kunye nabaphengululi beencwadi zemali.
Nayiphina intlawulo yomvuzo  eboniswe kwisatifiketi se-IRP5.
Intlawulo yomvuzo okanye intlawulo yomvuzo elinganiswa nonyaka, engagqithiyo kwi R2 000 kunyaka werhafu.


ULudwe lweNkqubo B: Impahla , utyalo-mali, amalungelo kunye neemali ezihlawulwa ngenxa yokusebenzisa ilungelo elithile 

Nika iinkcukacha zemali ehlawuliweyo okanye engeniswe nguwe ngokuphathelelene nezi zinto zilandelayo:

inzala kwiimali-mboleko kunye neebhondi zokubambisa 
inzala kwiingxowa-mali ezityalwe kuwe
inzala kwii-debentures
inzala kwii-akhawunti ezikhoyo zokugcina imali
isahlulo kwizabelo
irenti ehlawulwe nguwe njengomntu oqeshe indawo okanye eqokelelwe nguwe njenge-eyijenti
imali ehlawulelwe ukuxhamla ilungelo lempahla 
iimali ezihlawulwa ngenxa yokusebenzisa ilungelo elithile  okanye iimali ezihlawulwa ngenxa yokusebenzisa uqambo, uyilo, igama nophawu okanye ilungelo lokushicilela nokuthengisa okanye ukukhuphela ulwazi olwayamene noqambo eMzantsi Afrika.

ULudwe lweNkqubo C: Ukuchithwa kwee-unit trust okanye ezinye izixhobo zemali  return)

Nika ezi nkcukacha zilandelayo ngokuphathelelene nokuchithwa kwee-units okanye ukuchithwa kwesixhobo semali egameni lo mntu:

inkcazelo ye-unit okanye yesixhobo semali
inani lee-units okanye izixhobo ezichithiweyo
ixabiso eliveyishiweyo lomndilili ophakathi 
ingeniso efunyenweyo iyonke kwakube kuchithiwe
ingeniso eseleyo okanye ilahleko ngokuphathelelene nokuchithwa.

ULudwe lweNkqubo D: Imveliso yasefama, amaplanga okwakha, imfuyo, iintsimbi ezikrwada, izimbiwa, amatye anqabileyo kunye neebhonasi ezihlawulwe kumalungu eenkampani namaqumrhu amanyeneyo 

Nika iinkcukacha zezi zinto zilandelayo:

Zonke iimveliso zasefama, amaplanga okwakha, imfuyo, iintsimbi ezikrwada, izimbiwa, okanye amatye anqabileyo afunyenwe nguwe ngokuwathenga, unaniselwano okanye ukutshintshiselana .
Zonke iimveliso zasefama, amaplanga okwakha, imfuyo, iintsimbi ezikrwada, izimbiwa okanye amatye anqabileyo athengiswe nguwe njenge-eyijenti yomvelisi.
Zonke iimveliso, iintsimbi ezikrwada okanye izimbiwa ezithunyelwe nguwe njenge-eyijenti engumthumeli womvelisi kwii-eyijenti ezithengisayo ngaphandle kwi-Riphabhlikhi.
Iibhonasi ezihlawulwe amalungu eenkampani namaqumrhu asebenzisanayo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Income Tax Act, 1962  .

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Akukho xesha elisisigxina.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Return of general information, IT3 
Return of general information schedule 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


