
Isicelo sokubuyisela ubhaliso lwequmrhu elingavulelekanga 
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Lakuba iqumrhu elingavulelekanga ekuthiwa yi-close corporation  licinyiwe kubhaliso, singenziwa isicelo sokuba liphinde libuyiselwe kubhaliso, kodwa ke kuya kufuneka kulandelwe imigaqo efanelekileyo.

Kufuneka kuqale kuqondwe ubume be-CC kwi-Ofisi yoBhaliso lweeNkampani kunye neMpahla neZinto eziyiMveliso yeNgqondo ekuthiwa yi-Companies and Intellectual Property Registration Office  kuba kungenzeka ukuba i-South African Revenue Service  ibe ifake isicelo sokucinywa kobhaliso leli qumrhu lingavulelekanga.

Kufuneka kufakwe i-R150 efakelwa uvimba wophawu lweekhastoma kwaye iya kuxhuzulwa kwi-akhawunti yekhastoma emva kokungeniswa kwefom.

Malunga neenkcukacha ezithe vetshe, yiya Companies and Intellectual Property Registration Office.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Zalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi-CK3.
Hambisa incwadi ebhaliweyo nefungelweyo  esayinwe yaze yagximfizwa isitampu nguMkomishina weZifungo, eyenziwe nguye nawuphi na umntu onomnqweno echaza izizathu zokwenza isicelo sokubuyisela ubhaliso lwe-CC.


Ukubangaba iqumrhu elingavulelekanga linayo nayiphi na ipropati emiyo, fumana ungqino olubhaliweyo olwenziwe liSebe leMisebenzi yoLwakhiwo kwiindawo zoLuntu naliCandelo loNondyebo weLizwe, sokuba abakuchasi ukubuyiselwa kobhaliso lwequmrhu elingavulelekanga.

Loo njongo kuya kufuneka ikhutshelwe isibhengezo sokwazisa kwiphephandaba lendawo ukuze kuzanywe ukuqonda iimfuno neminqweno yoluntu malunga nokubuyiswa kobhaliso lwequmrhu elingavulelekanga.

Ukubangaba kukho iinkcaso eziveziweyo, umPhathi woBhaliso lweeNkampani kuya kufuneka aziswe ngezo nkcaso kwisithuba seentsuku ezingama 30 zokucinywa kobhaliso.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Close Corporations Act, 1984 , Section 26 UmThetho wamaQumrhu angaVulelekanga, iCandelo 26 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ukubuyiselwa kobhaliso lwequmrhu elingavulelekanga kungathabatha iintsuku ezingama 30 ukuya kwezingama- 40.

Entla

Iindleko

R150

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for restoration of CC -CK3 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


