
Isicelo sokubeka igama lequmrhu elingavulelekanga, okanye igama eliguqulelweyo okanye eliphunguliweyo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Iqumrhu elingavulelekanga ekuthiwa yi-close corporation  lelona qumrhu loshishino lilula kwaye lithambileyo kunenkampani. Liwafanele amashishini amancinane. Iimfuneko zokuphatha nokulawula ii-CCs zinobuceducedu bogunyaziso obungcono kunobo benkampani.

Igama elipoposhwayo le-CC kufuneka lihlolwe phambi kokuba livunywe okanye laliwe. I-Ofisi yoBhaliso lwaMashishini angaVulelekanga  iya kungqina ukuvunywa okanye ukwaliwa ngencwadi, ethunyelwe nge e-mail okanye ngeposi, ibonise ukuba igama libekiwe okanye laliwe.

Igama elivunyiweyo nelibekiweyo lisebenziseka iinyanga ezimbini.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi , yiya kwi Companies and Intellectual Property Registration Office.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Zalisa ifom yesicelo ekuthiwa yi-CK7 kunye ne-CM5.
Hambisa ifom yesicelo kwi-ofisi ye-CIPRO.

Kuya kufuniswa ukuze kuqondwe ukuba akukho magama angafanelekanga, athelekiswa namanye, angafunekiyo okanye akhubekisayo na.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Close Corporation Act, 1984  UmThetho waMaqumrhu angaVulelekanga
Business Names Act, 1960  UmThetho waMagama aMashishini

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ukubekwa kwegama elipoposhwayo kungathabatha iintsuku ezintathu ukuya kwezisixhenxe.

Entla

Iindleko

R50

Entla

Iifom ezigcwaliswayo





Reserve Close Corporation's name, CK7 
Application for reservation of name/translated form/shortened/defensive name, CM5 
Iinkcukacha zonxulumano)

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


