
Isicelo sokuphinda ubhalise kwisithili sakho esitsha sokuvota
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Abavoti ababhalisileyo abatshintshe iindawo zokuhlala kufuneka baphinde babhalise kwizithili zabo ezitsha zokuvota.Oku kuyakukunceda ekubeni ukwazi ukuvotela kwisithili sokuvota ohlala kuso. Ungaphinda ubhalise kwi-ofisi ekwindawo ohlala kuyo yeKomishoni eZimeleyo yoNyulo, ekuthiwa yi-Independent Electoral Commission , okanye xa kuvezwe amathuba apapashwe yi-IEC wokuba abavoti babhalise.



Entla

Inkqubo emayilandelwe

Nxulumana ne-IEC kwinombolo yomnxeba engahlawulelwayo ethi 0800 11 8000 kwaye ubanike i-adresi yakho entsha yendawo ohlala kuyo.
Iyakuthi ke i-IEC ikolathise i-ofisi echanekileyo yokubhalisa.
Xa ukwi-ofisi yobhaliso, veza incwadi yesazisi enomqukumbelo .
Gcwalisa ifom yesicelo oyinikwe kwi-ofisi yobhaliso.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Electoral Commission Act, 1996  
Constitution of the Republic of South Africa, 1996 
Electoral Act, 1998  
Local Government: Municipal Structures Act, 1998  
Local Government: Municipal Demarcation Act, 1998  
Local Government: Municipal Electoral Act, 2000  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Uyakubhaliswa kwangoko.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Iifom ziyafumaneka kwi-ofisi yobhaliso.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


