﻿

Isicelo sesikhokelo sokuxhuzula irhafu – iingxowa-mali zepenshele nezokubonelela 

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Esi sicelo kufuneka sithiwe thaca kwi-South African Revenue of Revenue  kwiimeko zokurhoxa, ukurizayina, intlawulo yolwabiwo eyintsalela, iinzuzo ezingabangwanga, iintlawulo zomhlathi  wenkcazelo 'yengeniso-mali epheleleyo' njengoko kuchaziwe kuMthetho weRhafu yeNgeniso-mali, wango 1962  okanye ukutshintshelwa kwenzuzo yelungu ukusuka kwingxowa-mali yepenshele okanye yokubonelela, okanye kwimeko apho ingxowa-mali yepenshele okanye yokubonelela ivalwa.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Khupha iFom B kwi-website uyigcwalise ngokupheleleyo, uze ke uyihambise phambi kokuba uhlawule isixa sesambuku kwilungu lengxowa-mali.
Khupha inombolo ye-ID yelungu okanye olunye uhlobo lokuzazisa . Kungcono ukusebenzisa inombolo ye-ID.
Nika i-adresi yelungu yokuhlala neyokuposa.
Qulungqa ingeniso-mali yelungu ngokonyaka nangokuchaneke kangangoko kukwazekayo. Akumelanga ibengaphantsi komgangatho ophakathi  yentlawulo yomvuzo welungu  kunyaka wovavanyo omiyo nongaphambili.
Nawuphina umyalelo wokuxhuzula imali  okhutshwe yi-SARS kufuneka uthotyelwe.

Eyona ndlela ilula kakhulu yokwenza isicelo sesikhokelo serhafu kukusifaka nge- eFiling. Isicelo sakho sesikhokelo serhafu esenziwe ngale nkonzo sidla ngokuvunywa kwisithuba seeyure ezingama 48.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Income Tax Act, 1962  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo sesikhokelo serhafu esifakwe ngokwe eFiling sidla ngokuvunywa kwisithuba seeyure ezingama 48.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Zalisa uze ungenise ifom yakho yesicelo ngonxibelelwano lwekhompyutha. Okunye ongakwenzayo, kukuyikopa  ifom:Request for a Tax Deduction Directive, Form B .

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


