﻿
Ukunika ingxelo ngempahla izinto kunye neemali zomntu ongasekhoyo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Impahla, izinto kunye neemali  zomntu ongasekhoyo zivela ekubhubheni komntu kwaye eshiya impahla, izinto kunye neemali  kunye nomqulu okanye umqulu wasemthethweni ongumyolelo oyalela indlela emakwabiwe ngayo eli lifa  okanye oneenjongo zokuba ngumqulu wasemthethweni ongumyolelo oyalela indlela emakwabiwe ngayo ilifa. Eli lifa ke kufuneka lilawulwe kwaye labiwe ngokuhambisana nomqulu wasemthethweni ongumyolelo oyalelayo womfi, okanye, ukubangaba umfi akashiyanga myolelo oyalelayo, kufuneka labiwe kwaye lilawulwe ngokuhambisana nemimiselo yomthetho. Umthetho wokuLawulwa kwaMafa, ekuthiwa yi-Administration of Estates Act, 1965, uqingqa umgaqo omawulandelwe xa kulawulwa ilifa longasekhoyo.

Ilifa lomntu ongasekhoyo kufuneka lixelwe kwi-ofisi yoMphathi oyiNqununu  kwisithuba seentsuku ezili 14 zomhla wokubhubha. Ukubhubha kungaxelwa nguye nawuphina umntu onolawulo okanye ophethe nayiphina impahla eyinxenye yelifa longasekhoyo, okanye onolawulo okanye ophethe umqulu obhalwe ngumfi, ongumqulu wasemthethweni ongumyolelo oyalela indlela emakwabiwe ngayo ilifa  okanye obonakala ngathi ungumqulu wasemthethweni ongumyolelo oyalela indlela emakwabiwe ngayo ilifa.

Kufuneka kuxelwe nini ukubhubha, kuMphathi oyiNqununu ?

Ukubangaba umfi ubhubhele eMzantsi Afrika, kwaye ushiye impahla, izinto kunye neemali  kunye nawuphina umqulu okanye nawuphina umqulu wasemthethweni ongumyolelo oyalela indlela emakwabiwe ngayo ilifa okanye oneenjongo zokuba ngumqulu wasemthethweni ongumyolelo oyalela indlela emakwabiwe ngayo ilifa.
Ukubangaba umfi ubhubhele ngaphandle koMzantsi Afrika, kodwa abe ushiye ipropati apha eMzantsi Afrika kunye nawuphina umqulu okanye nawuphina umqulu wasemthethweni ongumyolelo oyalela indlela emakwabiwe ngayo ilifa okanye oneenjongo zokuba ngumqulu wasemthethweni ongumyolelo oyalela indlela emakwabiwe ngayo ilifa.

Kufuneka lixelwe phi ilifa lomntu ongasekhoyo?

Nangona nje zonke ii-ofisi zoomantyi zingamaziko eenkonzo zoMphathi oyiNqununu kwaye amafa wabangasekhoyo engaxelwa apho, zona zinegunya namandla aqingqiweyo, kwaye ziyakutshintshela kwi-ofisi yephondo yoMphathi oyiNqununu , wonke amafa kunye nemiqulu yasemthethweni eyimiyolelo eyalela.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Ukubangaba ixabiso lelifa lingaphantsi kwe R50 000, lixele kwi-ofisi kamantyi. Ukubangaba ixabiso ligqitha ngaphaya kwe R50 000, lixele nqo kwi-ofisi yoMphathi oyiNqununu.

ukubangaba umfi ubehlala eMzantsi Afrika ngexesha lokubhubha kwakhe, xela ilifa kuMphathi oyiNqununu onegunya namandla kummandla apho bekuhlala khona umfi ngexesha lokubhubha kwakhe
ukubangaba umfi wayengahlali eMzantsi Afrika ngexesha lokubhubha kwakhe, ungalixela ilifa lakhe kuye nawuphina uMphathi oyiNqununu 
xela ilifa ngokugcwalisa iFom J294, ethi: Isaziso sokubhubha  kunye neminye imiqulu ebandakanyekayo yokunika ingxelo, edweliswe apha ngezantsi
ungasifumana isaziso sokubhubha  kunye neminye imiqulu yokunika ingxelo kuyo nayiphina i-ofisi yoMphathi oyiNqununu wenkundla ephakamileyo okanye kuyo nayiphina i-ofisi kamantyi.



Ixabiso lelifa kunye nohlobo lokutyunjwa oluyimfuneko, ziyakubonisa ukuba yeyiphina imiqulu ekufuneka uyigcwalise kwaye uyihambise.
Ukubangaba ixabiso lelifa lingaphantsi kwe R125 000, gcwalisa le miqulu ilandelayo:

IFom J294: Isaziso sokubhubha 
IFom J192: Ingxelo ebhaliweyo nefungelweyo: iinkcukacha zesizalwane  – iyakugcwaliswa xangaba umfi akashiyanga mqulu wasemthethweni osebenzisekayo ongumyolelo oyalela indlela emakwabiwe ngayo ilifa 
IFom J243: Ifom edwelisa uluhlu lwempahla nezinto 
Ukutyunjwa komabi welifa/Ifom yokutyumba -yakugcwaliswa ziindlalifa zokutyunjwa njengabameli boMphathi oyiNqununu:

ukubangaba ilifa alinamqulu wasemthethweni ongumyolelo oyalela indlela emalabiwe ngayo  okanye
ukubangaba lo mqulu wasemthethweni awutyumbi mabi-lifa ongqalileyo okanye
ukubangaba umabi-lifa otyunjiweyo ubhubhile okanye ukwalile ukutyunjwa.



IFom J155: Isithembiso kunye nolwamkelo lwezikhokelo zoMphathi oyiNqununu .



Hlomela le miqulu ilandelayo kwiifom ezigcwalisiweyo ezidweliswe ngasentla:

isatifiketi sokubhubha esiluqobo lwaso okanye ikopi yaso eqinisekisiweyo
isatifiketi somtshato esiluqobo lwaso okanye ikopi yaso eqinisekisiweyo – ukubangaba oku kuyabandakanyeka
uqobo lwazo zonke ii-will kunye nemifakelo eyongezelelayo  okanye imiqulu eneenjongo ezinjalo – ukuba ikhona
uluhlu lwababolekisi kumfi – ukuba bakhona
isibhengezo sokuba eli lifa alixelwanga kwenye i-ofisi yoMphathi oyiNqununu okanye kwelinye iziko leenkonzo zoMphathi oyiNqununu.



Ukubangaba ixabiso lelifa lingaphantsi kwe R125 000, uMphathi oyiNqununu angaziyeka iincwadi zokutyunjwa komabi-lifa, aze endaweni yazo akhuphe iincwadi zegunya ngokweCandelo 18 loMthetho wokuLawulwa kwaMafa .
Ukubangaba ixabiso lelifa ligqitha ngaphaya kwe R125 000, gcwalisa le miqulu ilandelayo:

IFom J294: Isaziso sokubhubha 
IFom J192: Ingxelo ebhaliweyo nefungelweyo: iinkcukacha zesizalwane  – iyakugcwaliswa xangaba umfi akashiyanga mqulu wasemthethweni osebenzisekayo ongumyolelo oyalela indlela emakwabiwe ngayo ilifa . Le ngxelo ibhaliweyo nefungelweyo, eyenziwa sisizalwane somntu omnyama obhubhileyo ongashiyanga i-will esebenzisekayo, kufuneka ichaze ukuba ilifa alixelwanga komnye uMphathi oyiNqununu okanye kwelinye iziko leenkonzo zoMphathi oyiNqununu 
IFom J243: Ifom edwelisa uluhlu lwempahla nezinto 
Ukutyunjelwa ukubangumabi-lifa/Ifom yokutyumba  – eyakugcwaliswa ziindlalifa zokutyunjwa njengabameli boMphathi oyiNqununu:

ukubangaba ilifa alinamqulu wasemthethweni ongumyolelo oyalela indlela emalabiwe ngayo  okanye
ukubangaba lo mqulu wasemthethweni awutyumbi mabi-lifa ongqalileyo okanye
ukubangaba umabi-lifa otyunjiweyo ubhubhile okanye ukwalile ukutyunjwa.




IFom J109: Ulwamkelo lokunikwa igunya lentembeko lokuba ngumabi-lifa  – eyakugcwaliswa ngokuphinda-phindwe kabini ngumntu otyunjelwe ukuba ngumabi-lifa okanye ngabantu abatyunjelwe ukuba ngababi-lifa.


IFom J262: Isithembiso kunye nesivumelwano sesetyhorithi  – eyakugcwaliswa, ngaphandle kokuba umabi-lifa otyunjiweyo:

unikwe umnyenyevu wokunganiki setyhorithi kwi-will, okanye
ungumzali, umlingane okanye umntwana womfi.



Hambisa iifom ezigcwalisiweyo ezidweliswe apha ngasentla zikunye nale miqulu ilandelayo:

isatifiketi sokubhubha esiluqobo lwaso okanye ikopi yaso eqinisekisiweyo
isatifiketi somtshato esiluqobo lwaso okanye ikopi yaso eqinisekisiweyo – ukubangaba oku kuyabandakanyeka.



Uqobo lwazo zonke ii-will kunye nemifakelo eyongezelelayo  okanye imiqulu eneenjongo ezinjalo – ukuba ikhona
Ukubangaba ixabiso lelifa ligqitha ngaphaya kwe R125 000, kufuneka kukhutshwe iincwadi zokwabiwa kwelifa kwaye kufuneka kulandelwe inkqubo epheleleyo eqingqwe nguMthetho wokuLawulwa kwaMafa .
Amaziko eenkonzo zoMphathi oyiNqununu  anegunya namandla kuphela xangaba umfi akashiyanga mqulu wasemthethweni osebenzisekayo ongumyolelo oyalela indlela emakwabiwe ngayo ilifa , kwaye ixabiso lilonke lelifa longasekhoyo lingaphantsi kwe R50 000. Iincwadi zegunya zivumela ummeli otyunjiweyo ukuba alawule ilifa ngaphandle kokulandela umgaqo opheleleyo oqingqwe kuMthetho wokuLawulwa kwaMafa .

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Administration of Estates Act, 1965  

Administration of Estates Amendment Act, 2002  and its relevant Regulations 

Intestate Succession Act, 1987  

Law of Succession Amendment Act, 1992  and its relevant Regulations 


Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ixesha elithatyathwayo kule nkonzo lixhomekeka kubunzima benyewe.

Entla

Iindleko

Nxulumana ne-ofisi yoMphathi oyiNqununu ukuze ufumane iinkcukacha.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Death Notice - J294 

Inventory - J243 

Affidavit - J192 

Nomination to Act as Executor 

Undertaking and acceptance of Master's directions - J155 

Acceptance of trust as Executor - J190 

Undertaking and Bond of Security - J262 


Entla

Iinkcukacha zonxulumano


