

Ukuxela ubugebenga kwiNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Le nkonzo inikwa nabanina olixhoba lobugebenga.

INkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika, ebizwa ngokuba yi-South African Police Service  iyakuvula idokethi kwaye iphande ngobu bugebenga, ibambe abarhanelwa kwaye ithi thaca ityala lobugebenga kwiinkundla ukuze kutshutshiswe.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Xa umntu ethe walixhoba lobugebenga, anganxulumana namapolisa ngokutsalela umnxeba kwinombolo ethi 10111 okanye angaya kwisikhululo samapolisa esikufuphi kuye  ukuze axele ngobu bugebenga.
Ukubangaba igosa lamapolisa liya kule ndawo kwenzeke kuyo ubugebenga, liyakuthabatha isiteyitimenti kumkhalazi nakumangqina ukuba kunokwenzeka oko.
Igosa lamapolisa liyakuya esikhululweni samapolisa, libhalise le nyewe kwiNkqubo yeNkonzo yaMapolisa aseMzantsi Afrika yokuLawula uBugebenga, ekuthiwa yi-SAPS Crime Administration System , lize linike ummangali inombolo yokwazisa ebizwa ngokuba yi-CAS number.
Ummangali kufuneka aqinisekise ukuba uyayigcina le nombolo ye-CAS ukuze abhekise kuyo xa kwixesha elizayo ebuzisa malunga neli tyala lobugebenga.
Ukubangaba ummangali utyelela isikhululo samapolisa endawo ahlala kuyo ukuze axele ngobugebenga, uyakwamkelwa kwiZiko leNkonzo yaBahlali  ligosa lamapolisa.
Igosa lamapolisa liyakuqala lidlane iindlebe nommangali, lize emva koko lithabathe isiteyitimenti kuye, kwaye libhalise esi senzo sobugebenga sixeliweyo kwi-CAS.
Ummangali uyakunikwa inombolo ye-CAS, ekufuneka isetyenziswe qho xa kubuziswa ngeli tyala lixeliweyo lobugebenga.
Idokethi eligqityiweyo linikwa umcuphi wamapolisa oyakuqhuba uphando.Yonke imibuzo ingabhekiswa kulo mcuphi.
Umcuphi ophanda ngetyala elithile uyakugqiba uphando, aze ke ase idokethi kwinkundla ebandakanyekayo ukuze kutshutshiswe.
Umcuphi uyakwazisa ummangali ukuba aye ninina enkundleni.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



South African Police Service Act, 1995  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Uyakuncedwa kwangoko.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Igosa lamapolisa elithabatha isiteyitimenti sakho liyakugcwalisa ifom.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


