
Isicelo sesishwankathelo soqhambuko oluxeliweyo lwezifo zemfuyo eMzantsi Afrika
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Nabanina anganako ukufumana isishwankathelo soqhambuko oluxeliweyo lwezifo zemfuyo eMzantsi Afrika kwi-website yeSebe leZolimo.

Qho ngenyanga, oogqirha bombuso kulo lonke eli laseMzantsi Afrika bathumela iingxelo zezifo zezilwanyana kuBaqondisi babo baMaphondo beeNkonzo zeZilwanyana. Ezi ngxelo ziyaphononongwa, zize ke zithunyelwe kwiCandelo lelizwe loBuqondisi beMpilo yeZilwanyana  e-Pretoria, zithi ke apho zifakwe kuvimba ogcina inkcazelo. Iingxelo zenyanga zezifo zezilwanyana ziqulungqwa ngokusebenzisa le nkcazelo. Ezi ngxelo zithunyelwa elizweni nakumazwe ehlabathi kubabandakanyeki nemibutho enomnqweno.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Inkcazelo ingafunyanwa kwi-website yeSebe leZolimo. Yenza isicelo kuManejala oMkhulu weMpilo yeZilwanyana  ukubangaba ufuna ukufakwa kuluhlu lwabantu abanikwa ingxelo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Animal Diseases Act, 1984  with amendments  with amendments
Animal Health Act, 2002 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Inkcazelo ifumaneka kwangoko kwi-website.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Akukho zifom zigcwaliswayo.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano



