
Xela impatho-mbi yabantu abadala
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Le nkozo ichaza ngenyathelo ongalithabatha ukuthontela okanye ukuphelisa impatho-mbi kubantu abadala.Kunendlela ezininzi abantu abadala abaphathwa kakubi ngazo. Nazi ezinye zazo:

Impatho-mbi emzimbeni:Sonke isenzo esilimazayo emzimbeni okanye sibulale umntu omdala, umzekelo, ukubetha ngempama, ukutshova, ukuphatha ngqwabalala, ukusika, ukusetyenziswa ngokungemthetho kwamachiza okanye ukuthintela ukuhamba ngokukhululekile,ukunika amayeza ngokungafanelekanga naso nasiphi na isenzo esingonwabisiyo nesidala ukuphatheka kakubi noba esoyikisayo okanye ukufa.
Impatho-mbi ngesondo:Isenzo esibangela impatho-mbi kumntu omdala esenzelwa ukuzanelisa ngesondo, bengenalwazi okanye bengaqondi noba bengavumelananga nesenzo eso.
Impatho-mbi ngokwase ngqondweni,ngokwasemphefumlweni nangamazwi:Uhlobo lwesenzo esithula isidima okanye esingonwabisiyo kubantu abadala, esiphazamisayo ngokwasengqondweni noba emoyeni. Imizekelo:ukunganakwa, ukhlaliswa wedwa okanye ingcinezelo. Ukunganikwa thuba lokuthanda noba ukuthandwa, ukuthukwa nokutyholwa.
Impatho-mbi ngasezimalini:Ukusetyenziswa ngokungemthetho nokukhwabanisa imaliyendodlaimpahla nezinye izinto zabantu abadala, ngaphandle kwenvume yabobengenalwazi futhi bengayiqondi imiphumela yesisenzo okanye bephantsi kwezoyikiso.
Ukunganakwa: Ukuvinjwa okanye ukungafumani inkathalo eyimfuneko ekuncedeni ukusebenza kakuhle komzimba nengqondo.Izinto ezifana nokutya, ulwamkeleko, indawo yokuhlala impahla, amayeza inkuthazo emoyeni, ukungazihoyi, nokuzidelela.
Ukophulwa kwamalungelo oluntu:ukunganikwa amalungelo angundoqo afana nentlonipho, isidima, imfihlo yomntu, inkululeko yokucinga, inkolo, uluvo, intetho, ukuzityandigilanokuhambangokukhululekileyo kwabantu abadala. Umzekelo izinto abazenzayo ngenxa yobudala zenza kuthiwe bayathakatha. Ezizinto zenza ukuba bazondwe bahlutshwe okanye babulawe.

Ngubani onga xela impatho-mbi?

Noba ngubani obone ukunganakekelwa kwabantu abadala, ukusetyenziswa nokungemthetho, ukuphathwa kabuhlungu. Okanye unezizathu zokusola impatho mbi iyenzeka okanye yakha yenzeka.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Xela impatho-mbi okanye ukyisolakwakho ku Notlalontle oyiNtloko kwi ofisi yezoPhuhliso lezaseKuhlaleni okanye esikhululweni samapolisa esikufuphi nawe.

Okanye ungayixela emnxebeni impatho-mbi ngaphandle kokuzichaza ku HEAL  at 0800 003 081.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



Aged Persons Act, 1967  
Umgaqo siseko waseMzansi, 1996  
Aged Persons Amendment Act, 1998  
Older Persons Act, 2006  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Zingekapheli iiyure ezingamashumi amane anesibhozo ixeliwe impatho-mbi, unontlalontle uzakwenza uphando abhale ingxelo.
Ukuba umntu oxela impatho-mbi ngunontlalontle okwaziyo ukuphatha imeko elolohlobo, kufuneka aqhubeke nophando, abhale igxelo egcweleyoayithumele e ofisini lezoPhuhliso lezaseKuhlaleni ngaphambi kwee veki ezine.
Ukuba umntu oxela impatho-mbi akasingonontlalontle, kungumsebenzika nontlalontle oyintloko we ofisi yeCandelo lezoPhuhliso LezaseKuhlaleni, ukuthumela oludaba alindele ingxelo zingeka pheli iiveki ezine.
Ukuba impatho-mbi ibandakanya ikhaya labadala, imibutho engekho phantsi korhulumente okanye umbutho osekwe ekuhlaleni, unontlalontle kumele abhekane nale meko.
Ukuba lomntu ohlutshwayo akafuni kususwa kumele atyikitye isifungo esibonisa ukuba ucaciselwe ngemiphumela yokungavumi ukususwa.
Xa kungeyi naye kwezi zibaliweo ngasentla, kufuneke kwazeke ukuba umntu ufuna ntoni. Umphathiswa weCandelo Llezophuhliso lezaseKuhlaleni okannye i Member yeExecutive Council  makonyule umntu ozawungenelela.

Entla

Iindleko

Ezi nkonzo azibhatalelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Ama fom ayafumaneka kwi ofisi yeCandelo lezoPhuhliso lezaseKuhlaleni.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano

Halt Elder Abuse Line  - 0800 003 081
Inamba yoqhakamshelwano engabhatalelwa yeCandelo leZophuhliso leZasekuhlaleni 0800 60 10 11


