﻿
Isicelo sokubuyisela iphepha-mvume lokuqhuba elilahlekileyo okanye elibiweyo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Olu ncedo lolwabaqhubi abanelungelo lokuqhuba, abalahlekelwe ngamaphepha–mvume abo okuqhuba. Ukubuyisela iphepha-mvume elilahlekileyo okanye elonakeleyo yiya kwi ofisi yamagosa endlela ekufuphi nawe.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Yiya kwi ofisi yamagosa endlela ekufuphi nawe.
Gcwalisa ifomu I DL1, yesicelo sephepha-mvume lokuqhuba.
Yiza nala maxwebhu alandelayo:

incwadi yesazisi okanye incwadi yokundwendwela
i-ifoto ezimbini zencwadi yesazisi ezimnyama namhlophe

Bhatala imali ebekiweyo
Kuza kwenziwa uvavanyo lwamehlo kushicilelwe neminwe.

Ungasenza nesicelo sephepha-mvume lethutyana.ezelelweyo uzise nenye ifoto emnyama namhlophe.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



National Road Traffic Act, 1996  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ilayisensi yakho yokuqhuba kufanele ilunge kwisithuba seeveki ezine ukuya kwezintandathu.
Ilayisensi yomqhubi yexeshana ikhutshwa ngoko nangoko.

Entla

Iindleko

