﻿

Ukubuyisa imali yeegranti zentlalo

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ukubangaba ufumana igranti okanye imali ongafanelekanga uyifumane, uyakubanoxanduva lokuyibuyisela kurhulumente, ngaphandle kokuba iSebe loPhuhliso lweNtlalo lanelisekile ukuba ubungazi ukuba awufanelekanga uyifumane. Kule meko ke, igranti yentlalo kufuneka ipheliswe okanye icinywe, kuba iyakuthathwa ngokuba bubuqhetseba.

Ilungiselelwe bani le nkonzo?

Abantu abafumana iigranti abangafanelekanga bazifumane
Izizathu eziphambili zokucinywa kweegranti:
Ukubhubha. Ukubangaba igranti ihlawulwe kumntu obhubhileyo, iyakuthathwa kwilifa lakhe.
Ukwamkelwa kwiziko lombuso
Ukubangaba igranti ayibangwanga iinyanga ezintathu zilandelelana.
Ukubangaba umntu akekho eMzantsi Afrika ixesha elingophukanga elidlula iinyanga ezintandathu.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Ukubangaba ufumanise ukuba ufumana igranti ongafanelekanga uyifumane, kufanele uxelele i-ofisi yoKhuseleko lweNtlalo ekufuphi kuwe.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Social Assistance Act, 2004  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isebe liyakuyiyeka  imali elityala ukubangaba lanelisekile ukuba ubungazi ukuba awufanelekanga uyifumane loo mali.
UMqondisi-Jikelele  weSebe, ngokubona kwakhe, angayitsala le mali ngokufaka loo mntu emthethweni.
UMqondisi-Jikelele weSebe anganika imvume yokuba intlawulo iqhubeke ixesha elithile phantsi kwemiqathango ngokubonisa kwalo mntu malunga nokufuna ukubuyisela igranti. Isicelo kufuneka senziwe kwisithuba seentsuku ezingama 90 emva kokunqunyanyiswa kwegranti yentlalo.
Ukubangaba umntu ufuna ukuqwalasela ngokutsha igranti ephelelweyo, kufuneka ayichaze nayiphina ingeniso-mali ayifumanayo ngexesha lokwenza isicelo ngokutsha. Isebe liyakwenza isigqibo ngokusekelwe kule nkcazelo malunga nokuba liyiqwalasele ngokutsha na igranti okanye hayi. Umenzi-sicelo uyakwaziswa ngesiphumo sesicelo kwiinyanga ezi 3 ezingaphambili kumhla wokuqwalaselwa ngokutsha okanye kumhla wokwenziwa kwesatifiketi.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Iifom ziyafumaneka kwii-Ofisi ezikufuphi I-Arhente Yokhuseleko Lwezentlalo Emzantsi Afrika.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


