﻿
Yenza isicelo sokuvuselela okanye sokucima ubhaliso lokutya kwemfuyo yasefama okanye lokutya kweqabane elisisilwanyana
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Konke ukutya kwemfuyo yasefama okungeniswa kweli kuphuma kwamanye amazwe, okwenziwa, okuveliswa okanye okuthengiswa eMzantsi Afrika kufuneka kubhaliswe kuMphathi woBhaliso loMthetho 36 ka 1947 .

Ukuvuselelwa kobhaliso kuyakwenziwa xa ngaba ngexesha lokubhaliswa okanye lokuvuselelwa kobhaliso kwenzeka ezi zinto zilandelayo:

izinto eziqulathwe koku kutya kwemfuyo yasefama kubandakanyekayo azohlukanga kweziya sele zibhalisiwe
iinkcukacha kunye namagama asetyenzisiweyo avunyiweyo wemibhalo yokuphawula okuqulathiweyo okanye inkonkxa akayi kutshintshwa ngaphandle kokuba kuqale kufunyanwe imvume ebhaliweyo esuka kuMphathi woBhaliso 
imiqathango ebekwe ngexesha lobhaliso iyalandelwa
ubhaliso olubandakanyekayo aluyi kugqithiselwa
ubungakanani beebhegi neenkonkxa abunakuguqulwa ngaphandle kokuba kuqale kufunyanwe imvume ebhaliweyo esuka kuMphathi woBhaliso.

Qho ngonyaka, i-ofisi yoMphathi woBhaliso ikhupha iincwadi ezihamba neefom zezicelo eziya kubantu ababhalisiweyo, ezimalunga nokuvuselelwa.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Uvuselelo:

gcwalisa ifom yesicelo  kwizikhutshelo zamaphepha amathathu ngoonobumba abangadityaniswanga kwaye usebenzise oonobumba abakhulu kuphela
hambisa isicelo kuMphathi woBhaliso loMthetho 36 ka 1947 
ixesha lokuvuselela lingomhla wokuqala kuJulayi ukuya kutsho kowama 30 kuSeptemba.



Ukucima:

gcwalisa ifom B kwizikhutshelo zamaphepha amathathu ngoonobumba abangadityaniswanga kwaye usebenzise oonobumba abakhulu kuphela
hambisa isatifiketi sobhaliso esiluqobo lwaso.



Iinkcukacha zomenzi-sicelo:

makugcwaliswe ifom C kwaye ihanjiswe nefom A.


Entla

Umthetho osetyenziswayo

Fertilizers, Farm Feeds, Agricultural Remedies and Stock Remedies Act, 1947  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Uvuselelo lwenziwa kwakufunyanwa intlawulo.

Entla

Iindleko

Depends on type farm feed:  

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for renewal of registration of farm feed: Form A 
Cancellation: Form B 
Details of applicant: Form C 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


