
Isicelo sokuhlaziya okanye ukucima ubhaliso lweyeza lezolimo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Onke amayeza ezolimo angeniswa elizweni, awenziweyo, avelisiweyo okanye athengiswayo apha eMzantsi Afrika kufuneka abhaliswe ku-Registrar : Act 36 of 1947 .

Minyaka le iofisi yoMbhalisi ithumela iileta malunga nohlaziyo neefomu zesicelo kubo bonke abanobhaliso.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Uhlaziyo:

zalisa ifomu yesicelo  ngeekopi ezintathu uze ubhale ngokwahlukanisa oonobumba ubhale ngoonobumba abakhulu kuphela
thumela kuMbhalisi: Act 36 of 1947 
umhla wokugqibela wokuhlaziya ngowama-30 Juni.

Ukucima:

zalisa iFomu B ngeekopi ezintathu uze ubhale ngokwahlukanisa oonobumba usebenzisa oonobumba abakhulu
thumela isiqinisekiso setsusa sokubhalisa

Iinkcukacha zomenzi wesicelo:

zalisa iFomu C ukuhlaziya irekhodi yombhalisi yeenkcukacha zonxibelelwano, umzkl, idilesi, inombolo yefowuni, nomntu woqhagamshelwano.


Entla

Umthetho osetyenziswayo

Fertilizers, Farm Feeds, Agricultural Remedies and Stock Remedies Act, 1947  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Uhlaziyo lwenziwa xa kufunyenwe intlawulo.

Entla

Iindleko

R2 480

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Minyaka le iofisi yoMbhalisi ithumela iileta malunga nohlaziyo neefomu zesicelo kubo bonke abanobhaliso.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


