﻿
Yenza isicelo sokuvuselela okanye sokucima ukubhaliswa kwezichumisi
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Zonke izichumisi  ezingeniswa kweli ziphuma kwamanye amazwe, ezenziwa, eziveliswa okanye ezithengiswa eMzantsi Afrika kufuneka zibhaliswe kuMphathi woBhaliso loMthetho 36 ka 1947 .

Ukuvuselelwa kobhaliso kuyakwenziwa xa ngaba ngexesha lokubhaliswa kwenzeka ezi zinto zilandelayo:

izinto eziqulathwe sisichumisi esibandakanyekayo azohlukanga kweziya sele zibhalisiwe
iinkcukacha kunye namagama asetyenzisiweyo avunyiweyo wemibhalo yokuphawula okuqulathiweyo okanye inkonkxa akayi kutshintshwa ngaphandle kokuba kuqale kufunyanwe imvume ebhaliweyo esuka kuMphathi woBhaliso 
imiqathango ebekwe ngexesha lobhaliso iyalandelwa
ubhaliso aluyi kugqithiselwa
ubungakanani beebhegi neenkonkxa abunakuguqulwa ngaphandle kokuba kuqale kufunyanwe imvume ebhaliweyo esuka kuMphathi woBhaliso.

Qho ngonyaka, i-ofisi yoMphathi woBhaliso ikhupha iincwadi zokuvuselela ezihamba neefom ezibandakanyekayo eziya kubantu ababhalisiweyo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Uvuselelo:

gcwalisa ifom yesicelo  kwizikhutshelo zamaphepha amathathu ngoonobumba abangadityaniswanga kwaye usebenzise oonobumba abakhulu kuphela
hambisa isicelo kuMphathi woBhaliso loMthetho 36 ka 1947 
ixesha lokuvuselela lingomhla wokuqala ku-Okthobha ukuya kutsho kowama 30 kuDisemba.



Ukucima:

gcwalisa ifom B kwizikhutshelo zamaphepha amathathu ngoonobumba abangadityaniswanga kwaye usebenzise oonobumba abakhulu kuphela
hambisa isatifiketi sobhaliso esiluqobo lwaso.



Iinkcukacha zomenzi-sicelo:

makugcwaliswe ifom C kwaye ihanjiswe nefom A.


Entla

Umthetho osetyenziswayo

Fertilizers, Farm Feeds, Agricultural Remedies and Stock Remedies Act, 1947  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Uvuselelo lwenziwa kwakufunyanwa intlawulo.

Entla

Iindleko

R1 210

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for renewal of registration of farm feed: Form A 
Cancellation: Form B 
Details of applicant: Form C 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


