
Isicelo sokuhlaziya imvume yesilwanyana ngenjongo yokuqokelela incindi yobudoda
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Umntu onesiqinisekiso semvume yesilwanyana sokunikela ngencindi yobudoda, angenza isicelo ku-Registrar of Animal Improvement  ngenjongo yokuhlaziya ubhaliso.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Khupha ifomu yesicelo kwi-inthanethi uze uyizalise ngokwahlukanisa oonombumba usebenzisa oonobumba abakhulu. Ifomu kananjalo ingacelwa ku-Registrar of Animal Improvement .
Kufuneka ugqirha wezilwanyana angqine ukuba isilwanyana samkelekile malunga:

nemo yempilo ngokubanzi
nokungabinazo izifo
nodidi lwencindi yobudoda.



Kufuneka izicelo zifike kuMbhalisi kungagqithanga iintsuku ezingama-30 phambi kokuba imvume iphelelwe. Xa isicelo sifika kwiintsuku ezingama-90 emva kokuphelelwa kwemvume, kufuneka kuhlawulwe intlawuliso eyongezelelweyo emiselweyo.
Yenza itsheki okanye iposoda ehlawuleka ku-: The Director-General: Agriculture.
Iinkcukacha zebhanki zezi:
Standard Bank
Isebe: Arcadia
Inombolo yeAkhawunti: 011219556
Ikhowudi yesebe: 000845/010845
Thumela ku-:
The Registrar of Animal Improvement
Private Bag X138
Pretoria
0001

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Animal Improvement Act, 1998  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Uhlaziyo lobhaliso lungakhutshwa kwithuba lweentsuku ezingama-30.

Entla

Iindleko

Inkonzo yeyasimahla.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for renewal of the approval of an animal for the collection of semen

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


