﻿
Ukuvuselelwa kwamaphepha-mvume emoto
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Zonke iimoto ezihamba indleleni kawonke-wonke kufuneka amaphepha-mvume azo rhoqo xa kuphela unyaka. Luxanduva lomnini moto ukuqinisekisa ukuba amaphepha-mvume emoto ayavuselelwa.Ukungaphumeleli ukuvuselela amaphepha-mvume emoto kungakhokhelela kwisohlwayo.

Kukhona ixesha lofefe elinga ngentsuku ezingamashumi ambini ananye elinikwa baninimoto ababngekawavuseleli amaphepha-mvume aphelelwe lixesha emoto zabo.Ixesha lofefe libalwa ukusukela ngosuku lokuphelelwa kwamaphepha-mvume.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa I fomu MVL1, lesicelo sephepha-mvume lemoto kwi ofisi yamagosa endlela ekufutshane.
Yiza nencwadi yesazisi kunye nesaziso eso.
Bhatala imali ebekiweyo kwisaziso yokuqulunqwa kwesicelo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



National Road Traffic Act, 1996  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo siqulunqwa kwangolosuku.

Entla

Iindleko

