﻿
Uhlaziyo lwephepha-mvume lokuqhuba
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ikhadi lakho lephepha-mvume lokuqhuba lisemthethweni kanga ngeminyaka emihlanu ukusesela ngosuku eyakhutshwa ngalo, kufuneka ihlaziywe emva kweli xesha. Nangona usuku lokuphelelwa lephepha-mvume libhaliwe kwalapha kulo iasziso sokuphelelwa kwalo siza kuthunyelwa ngeposi.

Ungalihlaziya iphepha-mvume lakho nokuba kunini ngaphambi kokuba liphelelwe lixesha. Iphepha-mvume elitsha lizakuba semthethweni iminyaka emihlanu ukususela ngosuku lohlaziyo.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Ungahlaziya iphepha-mvume lokuqhuba nakuyiphi na indawo yovavanyo apha eMzantsi Afrika, kodwa kuyakufuneka ulilande ikhadi kwakulondawo yovavanyo olihlaziye kuyo.

Gcwalisa ifomu I DL1, yesicelo sohlaziyo lwephepha-mvume lokuqhuba kwi ofisi yamagosa endlela ekufutshane.
Yiza nala maxwebhu alandelayo:


incwadi yesazisi , Incwadi yethutyana yesazisi, ikhadi elidala lephepha-mvume lokuqhuba okanye incwadi yoku ndwendwela esemthethweni yase Mzantsi Afrika
ifoto zesazisi ezimbini ezimnyama namhlophe
indleko zesicelo.


Qaphela: Awulindelekanga ukba wenziwe uvavanyo lwe phepha-mvume lokuqhuba, kodwa uzakuhlolwa amehlo.Ukuba ukubona kwakho kwehlile kunangosuku owafumana ngalo iphepha-mvume lokuqhuba imiqathango emitsha izakufakwa kwi phepha-mvume lakho.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Traffic Act, 1996  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Iphepha-mvume elitsha lizakuba selilungile emva kweveki ezine ukuya kwezintandathu.

Entla

Iindleko

