FRONT
Ndinoxanduva. 
Sinoxanduva.
UMzantsi Afrika uthatha uxanduva.
BACK
Izizathu ezili-10 zokuba kutheni NGOKU ilixesha lokuba senze uvavanyo… 
INtsholongwane kaGawulayo ingalawuleka kwaye ingathintelwa. Thatha uxanduva uvavanywe namhlanje. 
Uvavanyo lweNtsholongwane kaGawulayo nolawulo lwayo lufumaneka mahala kuzo ZONKE iikliniki zikarhulumente. 
Ukuba ngaba uvavanyo lwakho lukhupha iziphumo ezibonisa ukosuleleka, usenokuphila ubomi obusempilweni. 
Ukuba ngaba uvavanyo lwakho lukhupha iziphumo ezibonisa ukungosuleleki, ungazikhusela ungabi usosuleleka.
Ungazikhusela ukhusele nabanye kusuleleko lweNtsholongwane kaGawulayo – sebenzisa ikhondom ngalo lonke ixesha unciphise nenani lamaqabane owabelana nawo ngesondo. 
Ukwenza uvavanyo kunye neqabane lakho kudala intembeko nentlonipho. 
Yiba ngumzekelo kusapho nabahlobo bakho. Yenza uvavanyo namhlanje ukuze ukhuthaze nabanye ukuba benze uvavanyo nabo. 
Akukho sana lufanele ukuzalwa luneNtsholongwane kaGawulayo. Likhona iyeza elinokukhusela oku, KODWA kufanele usazi isimo sakho malunga neNtsholongwane kaGawulayo kuselithuba kumitho lwakho. 
Ukuba ngaba une-TB, usenokuba nayo neNtsholongwane kaGawulayo. Qinisekisa ukuba uya lwenza uvavanyo lweNtsholongwane kaGawulayo. Ukuba ngaba uneNtsholongwane kaGawulayo, qinisekisa ukuba uya lwenza uvavanyo lwe-TB.  
UMzantsi Afrika uthatha uxanduva ngempilo yakho. Uza kuluthatha nini wena uxanduva lokuba uvavanywe? 
Ukuba ngaba awukosuleleki zikhusele unqande ukuba ungosuleleki – uze uhlale unjalo.  
Ukufumana iziko lovavanyo elikufuphi kuwe, thumela i-SMS ethi HIV nekhowudi yakho yeposi kwa-31771  
Tsalela uMnxeba woNcedo kaGawulayo kwa-0800 012 322 
Ukufunda ngazo zonke iindlela onokusebenzisa ngazo ifoni yakho yeselula ukufumana ulwazi noncedo lweNtsholongwane kaGawulayo:
( Cofa *120*923# (ziisenti ezi-20 ngemizuzwana engama-20)
