﻿
Isicelo sepemethe yesizalwane
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ipemethe yesizalwane ikhutshelwa umntu welizwe langaphandle oyifemeli esondele nqo yommi okanye yomhlali waseMzantsi Afrika. Loo mmi okanye loo mhlali kufuneka anike uqinisekiso lwemali ebekiweyo. Ipemethe yesizalwane isebenziseka ixesha elingagqithiyo kwiminyaka emibini.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Veza ubungqina bokuba yifemeli esondele nqo yalo mmi okanye lo mhlali uza kuye.

Veza isiqinisekiso esiphuma kumgcini nomhloli wee-akhawunti zemali olilungu lequmrhu labagcini nabahloli bee-akhawunti zemali, okanye ubungqina bemiqulu ehambelanayo engqina iindlela zenkxaso yalo mntu kuyiwa kuye okanye iindlela zokubanako zalo mntu kuyiwa kuye zidibene nezakho. Le nkxaso akufanelanga ibengaphantsi kwe R5 000 ngenyanga kumntu ngamnye ngalo lonke eli xesha lotyelelo .

Ungacelwa ukuba uveze omnye umqulu okanye eminye yale miqulu ilandelayo:


i-visa esebenzisekayo

izatifiketi zonyango ngokuphathelelene nomenzi-sicelo kunye nayo yonke ifemeli ehamba nawe.

isatifiketi sokuzalwa esingafinyezwanga sokungqina ubuzali, apho kubandakanyeka khona

isatifiketi somtshato

ubungqina bobudlelwane bobulingane ukubangaba utshatile, nahlukene, niqhawule umtshato okanye ubhujelwe.

ubungqina bokwamkela umntwana ongamzelanga ibengowakho

Isatifiketi esiphuma emapoliseni esiqinisekisa ubume obumsulwa, ukubangaba uneminyaka yobudala engama 21 okanye nangaphezulu, ngokuphathelelene nawo onke amazwe oke wahlala kuwo unyaka omnye okanye nangaphezulu, ekufuneka sikhutshwe kwisithuba seenyanga ezili 12 ukubangaba asifumaneki kwangoko.


Iingxelo zonyango neze-eksreyi ngokuphathelelene nomenzi-sicelo ngamnye. Yona ingxelo ye-eksreyi ayiyikufunwa kubantwana abangaphantsi kweminyaka eli 12 ubudala, nakwabasetyhini abakhulelweyo.



Entla

Umthetho osetyenziswayo



Immigration Act, 2002  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Le nkonzo ithabatha ixesha elingagqithiyo kwiintsuku ezingama 30.

Entla

Iindleko

R425

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for temporary residence permit, BI-1738 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


