

Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni malunga nabantu abakhubazekileyo

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni zinikwa abantu abakhubazekileyo, ukwenzela ukubanceda bafikelele kwaye bagcine amanqanaba abo okwenza izinto. Mane amanqanaba eenkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni ezilungiselelwe amanqanaba awohlukeneyo okukhubazeka, angala alandelayo:

Iinkonzo ezisisiseko zokubuyisela imeko esiqhelweni
Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni ezikwinqanaba lesibini
Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni ezikwinqanaba lesithathu
Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni ezizezobuchule nezifundisayo

Iinkonzo ezisisiseko zokubuyisela imeko esiqhelweni ziinkonzo zokunqanda ezakha ukuxhomekeka kweklayenti kwisiqu sayo kunye nokwakha amandla eklayenti. Oku kubandakanya udliwano-ndlebe lokucebisa ngonyango, iinkonzo ezisekelwe ekhaya, amaqela enkxaso kunye nokuzizisela uncedo ngokwakho, kunye neenkqubo zokwazisa nokugaya inkxaso.

Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni ezikwinqanaba lesibini ziinkonzo zongenelelo lwangethuba  ezibandakanya iindibano zokufundisana ezikhuselayo, iinkonzo zonakekelo lwasemini kunye nemvuselelo, iiprojekthi zokungenisa imali nokuthobalalisa ubuhlwempu, uphuhliso lobuntwana obuselula, kunye neenkonzo zokuphumla nokunika isiqabu.

Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni ezikwinqanaba lesithathu ziinkonzo zasemthethweni wombuso ezibandakanya amaziko onakekelo lwendawo yokuhlala, iinkonzo zonakekelo lokuhlangula nezokwamkela umntwana ongamzelanga ibengowakho, kunye neenkonzo zokwakha ngokutsha nonakekelo lwasesemva kweenkonzo.

Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni ezizezobuchule nezifundisayo ziinkonzo ezifana nokucebisa ngokwamava kunye nokuqeqesha okuqhelanisayo, ukunika amandla, uphuhliso lwemigaqo neenkqubo, kunye nophando.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Tyelela iziko lonakekelo lwempilo esisiseko okanye eklinikhi ukuze uphononongwe kwaye uyakuthunyelwa kwiinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni, esibhedlele okanye kwingcaphephe elichule kwinqanaba lesibini okanye lesithathu.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Constitution of the Republic of South Africa, 1996 
Integrated National Disability Strategy White Paper, November 1997 
Promotion of Equality and Prevention of Unfair Discrimination Act, 2000  
Older Persons Act, 2006  
Social Assistance Act, 2004  
Mental Health Care Act, 2002  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo singathabatha iinyanga ezi 3 ukuze siqhubekiswe. Kwiimeko ezithile abantu babekwa kuluhlu lwamagama alindileyo iinyanga ezi 6.

Entla

Iindleko

Kwiimeko ezithile, i75% yegranti yokukhubazeka ithathwa njengenxenye yeendleko. Ezinye iindleko ziqulungqwa ngamaziko ngokwawo. Amanye amaziko abala ijndleko ngokuqwalasela ukubanako kwefemeli. Zonke ezi ndleko zahluka ngokwamaphondo.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Iifom zezicelo ezigcwaliswayo ziqulungqwa liziko lokubuyisela imeko esiqhelweni okanye liziko lonakekelo lwempilo esisiseko.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


