
Iinkonzo zokubuyisela esiqhelweni malunga nabantu abakhubazekileyo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni zinikwa abantu abakhubazekileyo, ukwenzela ukubanceda bafikelele kwaye bagcine amanqanaba abo okwenza izinto. Mane amanqanaba eenkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni ezilungiselelwe amanqanaba awohlukeneyo okukhubazeka, angala alandelayo:

Iinkonzo ezisisiseko zokubuyisela imeko esiqhelweni
Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni ezikwinqanaba lesibini
Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni ezikwinqanaba lesithathu
Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni ezizezobuchule nezifundisayo

Iinkonzo ezisisiseko zokubuyisela imeko esiqhelweni ziinkonzo zokunqanda ezakha ukuxhomekeka kweklayenti kwisiqu sayo kunye nokwakha amandla eklayenti. Oku kubandakanya udliwano-ndlebe lokucebisa ngonyango, iinkonzo ezisekelwe ekhaya, amaqela enkxaso kunye nokuzizisela uncedo ngokwakho, kunye neenkqubo zokwazisa nokugaya inkxaso.

Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni ezikwinqanaba lesibini ziinkonzo zongenelelo lwangethuba  ezibandakanya iindibano zokufundisana ezikhuselayo, iinkonzo zonakekelo lwasemini kunye nemvuselelo, iiprojekthi zokungenisa imali nokuthobalalisa ubuhlwempu, uphuhliso lobuntwana obuselula, kunye neenkonzo zokuphumla nokunika isiqabu.

Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni ezikwinqanaba lesithathu ziinkonzo zasemthethweni wombuso ezibandakanya amaziko onakekelo lwendawo yokuhlala, iinkonzo zonakekelo lokuhlangula nezokwamkela umntwana ongamzelanga ibengowakho, kunye neenkonzo zokwakha ngokutsha nonakekelo lwasesemva kweenkonzo.

Iinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni ezizezobuchule nezifundisayo ziinkonzo ezifana nokucebisa ngokwamava kunye nokuqeqesha okuqhelanisayo, ukunika amandla, uphuhliso lwemigaqo neenkqubo, kunye nophando.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi yiya kwiSebe loPhuhliso lweNtlalo.

Top

Inkqubo emayilandelwe

Tyelela iziko lonakekelo lwempilo esisiseko okanye eklinikhi ukuze uphononongwe kwaye uyakuthunyelwa kwiinkonzo zokubuyisela imeko esiqhelweni, esibhedlele okanye kwingcaphephe elichule kwinqanaba lesibini okanye lesithathu.

Top

Umthetho osetyenziswayo

Constitution of the Republic of South Africa, 1996  UMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika
Integrated National Disability Strategy White Paper, November 1997 IPhepha eliMhlophe leSicwangciso soBuchule seLizwe esiHlangeneyo sokuKhubazeka
, 2000  UMthetho wokuPhakamisa uLingano nokuNqanda uBanjululo oluNgafanelekanga
Aged Persons Act, 2006  UMthetho waBantu abaGugileyo
Social Assistance Act, 1992  UMthetho wokuNcedisa kwiNtlalo
Mental Health Care Act, 2002  UMthetho woNakekelo lweMpilo yeNgqondo


Top

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Isicelo singathabatha iinyanga ezi 3 ukuze siqhubekiswe. Kwiimeko ezithile abantu babekwa kuluhlu lwamagama alindileyo iinyanga ezi 6.



Top

Iindleko

Kwiimeko ezithile, i75% yegranti yokukhubazeka ithathwa njengenxenye yeendleko. Ezinye iindleko ziqulungqwa ngamaziko ngokwawo. Amanye amaziko abala ijndleko ngokuqwalasela ukubanako kwefemeli. Zonke ezi ndleko zahluka ngokwamaphondo.

Top

Iifom ezigcwaliswayo

Iifom zezicelo ezigcwaliswayo ziqulungqwa liziko lokubuyisela imeko esiqhelweni okanye liziko lonakekelo lwempilo esisiseko.

Top

Iinkcukacha zonxulumano


