﻿
Isicelo esenziwa ngumntu otshonileyo sokuba kubuyiselwe imeko yakhe esiqhelweni
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Umntu otshonileyo  ngumntu ongakwaziyo ukuhlawula amatyala, kwaye onelifa , elithinjiweyo . Ukubangaba utshate umtshato ekwabelwanayo kuwo ngempahla nezinto kunye neemali , aze umlingane wakho atshone, uMthetho wokuNgakwazi ukuHlawula aMatyala, ekuthiwa yi-Insolvency Act, 1936, ukuthatha ngokuba nawe utshonile .

Ukubangaba umntu otshonileyo  ufuna ukuba ayekwe ukuthathwa ngokuba utshonile, kwisithuba seminyaka elishumi ebhengezwe ukuba utshonile, angenza isicelo sokuba imeko yakhe ibuyiselwe esiqhelweni.

Ngubani ongenza isicelo sokubuyiselwa kwimeko yesiqhelo?

otshonileyo ngokwakhe
i-eyijenti yomntu otshonileyo egunyaziswe ukuba yenze njalo, ukubangaba umntu otshonileyo akahlali eMzantsi Afrika
umhlolokazi okanye umhlolo walo mntu utshonileyo, ukubangaba babetshate umtshato ekwabelwanayo kuwo ngempahla nezinto kunye neemali
owayesakuba ngumlingane womntu otshonileyo, ukubangaba babetshate umtshato ekwabelwana kuwo ngempahla nezinto kunye neemali
ababi belifa lomfi obhubhe etshonile.

Umntu otshonileyo angasenza nini isicelo sokubuyiselwa kwemeko yakhe esiqhelweni, emva kokuba ethinjelwe izinto anazo ?

Naninina:

kwangoko zakube izibango zababolekisi kunye neendleko zokuthinjwa kwelifa zihlawulwe ngokupheleleyo okanye
ukubangaba umntu otshonileyo wenze isithembiso sokuhlawula isixa esithile endaweni yetyala, esamkelwayo ziikota ezintathu zababolekisi bakhe ngokwenani nangokuxabiseka, kwaye umntu otshonileyo uhlawule okanye unike isetyhorithi.



Emva kweenyanga ezintandathu:

Ukubangaba, kwisithuba sezi nyanga zintandathu, akukho zibango zingqinisekileyo kwilifa lomntu otshonileyo kwaye xa ngaba futhi:

ibikokokuqala umntu otshonileyo ethinjelwa ilifa lakhe kwaye
umntu otshonileyo akazange wafunyaniswa enetyala lezenzo ezithile zokwaphula umthetho.




Emva kweenyanga ezilishumi elinesibini ukusukela kumhla wokungqina koMphathi oyiNqununu i-akhawunti yokuqala yabantu abaphathiswe ngentembeko kwilifa kwaye xa ngaba:

ibikokokuqala umntu otshonileyo ethinjelwa ilifa lakhe kwaye
umntu otshonileyo zange wafunyaniswa enetyala lezenzo ezithile zokwaphula umthetho.


Emva kweminyaka emithathu:

ukusukela kumhla wokungqina koMphathi oyiNqununu i-akhawunti yokuqala yabantu abaphathiswe ngentembeko kwilifa, umntu otshonileyo seke wathinjelwailifa ngaphezulu kwesinye, kodwa ke xangaba umntu otshonileyo zange wafunayniswa enetyala lezenzo ezithile zokwaphula umthetho.



Emva kweminyaka emihlanu:

xa umntu otshonileyo eke wafunyaniswa enetyala lezenzo ezithile zokwaphula umthetho.

Emva kweminyaka elishumi:

emva kokuba iminyaka elishumi iphelile, umntu otshonileyo uyakuthathwa ngokuba imeko yakhe ibuyele esiqhelweni – ngaphandle kokuba inkundla ethile iyalela ngenye indlela, kwakube kwenziwe isicelo ngumtu onomnqweno. Esi sicelo kufuneka senziwe kwisithuba sale minyaka ilishumi.


Entla

Inkqubo emayilandelwe

Awunako ukwenza isicelo sokubuyiselwa kwemeko esiqhelweni ngokwakho, uyakudinga uncedo lwasemthethweni.
Nxulumana negqwetha okanye i-ofisi yoMphathi oyiNqununu ukuze ufumane inkcazelo ebanzi kunye noncedo.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Insolvency Act, 1936  

) 


Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Xoxa negqwetha lakho malunga nexesha eliyakuthatyathwa sisicelo sakho.

Entla

Iindleko

Xoxa negqwetha lakho malunga neendleko.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Nxulumana negqwetha lakho okanye iSebe lezoBulungisa noPhuhliso loMgaqo-siseko.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano

Master of High Court.

National Office: Customer Care
Tel: 012 - 315 1207
Fax: 086 514 1174
Email: Chiefmaster@justice.gov.za
Postal Address: Private Bag X81, Pretoria , 0001
Physical Address: 3rd Floor, South Tower, Momentum Centre, 329 Pretorius Street, , Pretoria


