﻿

Isicelo sobhaliso yokubuyiselwa imali yembuyekezo yamafutha edizeli

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Naliphina ishishini eliqhuba imisebenzi efanelekileyo kwaye elibhalisele iinjongo zerhafu yabaniki-nkonzo ekuthiwa yi-VAT, phantsi koMthetho weRhafu ekhutshwa ngabaniki-nkonzo, ekuthiwa yi-Value-Added Tax Act, 1991-nokuba kungokwesinyanzelo  okanye ngokuzithandela -lingenza isicelo sokubhalisela ukubuyiselwa imali yedizili, ngokugcwalisa ifom ekuthiwa yi-VAT 101D .

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Qhagamshelana neNkonzo yeNgeniso yaseMzantsi Afrika kwi-ofisi ekwingingqi yakho  ukuze ufumane ifom yokwenza isicelo. Okunye ongakwenzayo, kukuyikopa  ifom - Application for registration of diesel refund, VAT 101D kunxibelelwano lwekhompyutha uze uyizalise okanye bhalisa ngonxibelelwano lwekhompyutha.
Abaniki-nkonzo ababhalisiweyo kufuneka bafake inombolo yabo yobhaliso lwe-VAT. Abenzi-zicelo abangayibhaliselanga i-VAT kufuneka bagcwalise ifom ekuthiwa yi-VAT101 ukuze bafumane inombolo yobhaliso lwe-VAT, phambi kokuba benze isicelo sokubhaliswa kwiNkqubo yokuBuyisa iMali yeDizili .
Umhla woxanduva awunakuba phambi komhla we 4 Julayi 2001. Umhla woxanduva lobhaliso olutsha iyakuba ngulo mhla umenzi-sicelo angene ngawo kuxanduva lokufaneleka abhalisele i-VAT.
Imali ebuyiswayo yedizili iyakuhlawulwa kwi-akhawunti yebhanki echaziweyo ngoTshintshelo loMatshini weBhanki . Akukho zitshekhi ziyakukhutshwa. Iinkcukacha zebhanki ezinikwe kwifom ekuthiwa yi-VAT 101D ziyakuthabatha indawo yeenkcukacha zebhanki ezikwinkqubo ye-VAT, ukubangaba azifani.
Yazisa i-SARS ukubangaba iinkcukacha zebhanki ziguqukile.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Value-Added Tax Act, 1991  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Akukho xesha liqingqwayo kolu bhaliso.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Bhalisa ngonxibelelwano lwekhompyutha okanye uyikope ekhompyutheni  uze uzalise ifom, Application for registration of diesel refund, VAT 101D.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


