﻿

Isicelo sokubhalisa ilungelo lokuvelisa nokuqamba

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Ilungelo lokuvelisa nokuqamba ekuthiwa yi-patent lilungelo elikhethekileyo elinikwayo ngenxa yokuvelisa nokuqamba into ethile. Olo veliso noqambo kufuneka lubeyimveliso okanye inkqubo ezisa indlela entsha yokwenza izinto, okanye enika isisombululo esitsha sobuchule kwingxaki ethile.

I-patent ikhusela olu veliso nolu qambo kumnikazi we-patent. Olu khuselo lunikwa ixesha eliqingqiweyo kuphela, elidla ngokuba yiminyaka engama 20. Ukhuselo lokuvelisa nokuqamba  luthetha ukuba olu veliso alunakwenziwa, lusetyenziswe, lusasazwe okanye luthengiswe, ngokorhwebo, ngaphandle kwemvume yomnikazi.

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi yiya kwi Companies and Intellectual Property Registration Office.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Nxulumana noMphathi woBhaliso lwaMalungelo okuVelisa nokuQamba  kwiSebe lezoRhwebo naMashishini kwaye ukhangele ukuba akukho lungelo lokuvelisa nokuqamba esele likhona na.
Fumana iifom eziyimfuneko zesicelo  kwi-ofisi yoMphathi woBhaliso lwaMalungelo okuVelisa nokuQamba.
Gcwalisa ezi fom  kwaye uzise kwi-ofisi yoBhaliso lweeNkampani kunye neMpahla neZinto eziyiMveliso yeNgqondo.
Hambisa ikopi eqinisekisiweyo yencwadi yakho yesazisi.
Faka isicelo sokubambisa kwifom efanelekileyo– oku kungenziwa ngumenzi-sicelo encediswa ligqwetha okanye engancediswa ligqwetha.
Faka isicelo esipheleleyo – oku kufuneka kwenziwe ngokuncediswa ligqwetha lamalungelo okuvelisa nokuqamba.
Faka isicelo seSivumelwano seNtsebenziswano malunga naMalungelo okuVelisa nokuQamba, ekuthiwa yi-Patent Co-operation Treaty , .

Entla

Umthetho osetyenziswayo

South African Patents Act, 1978  UMthetho waMalungelo okuVelisa nokuQamba waseMzantsi Afrika

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ilungelo lokubambisa lokuvelisa nokuqamba lithabatha iinyanga ezimbini ukuze libhaliswe.
Isicelo esipheleleyo sithabatha malunga neenyanga ezintandathu ukuze sigqitywe .

Entla

Iindleko

R60, yelungelo lokubambisa lokuvelisa nokuqamba
R266, yelungelo elipheleleyo lokuvelisa nokuqamba

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Lemiqulu ifumaneka nge PDF . Ukuze uvule imiqulu ye-PDF, kufuneka ufakelwe kwikhompiyutha yakho i-Adobe Acrobat Reader 4 okanye uhlobo olungaphezulu kwayo. Iyakuvulela imiqulu nqo kwisikhangeli sakho.


P1:  Application for a Patent and Acknowledgement of Receipt  and submitted in duplicate 
P2:  Register of Patents , submitted in duplicate  aMalungelo okuVelisa nokuQamba", ihanjiswa ngokuphindwe kabini)
Declaration of Power of Attorney , 1 only submitted P3: "ISibhengezo saMandla eGqwetha", kuhanjiswa ibenye kuphela P3: "
P6:  Provisional Specification , 1 only submitted ( P6: "UMyalelo wokuBambisa", kuhanjiswa ibenye kuphela.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


