
Isicelo sokubhalisa amayeza ezolimo
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Onke amayeza ezolimo angeniswa elizweni, awenziweyo, avelisiweyo okanye athengiswayo apha eMzantsi Afrika kufuneka abhaliswe ku-Registrar : Act 36 of 1947 . Amayeza ezolimo aquka ii-pesticide , ii-insecticide , ii-fungicide , ii-herbicides (izibulali zezihlahla), amayeza alawula ukukhula kwezityalo, ii-defoliant (izibulali zamahlahla), ii-desiccant (amayeza okomisa) nee-legume inoculant (izitofu zezityalo ezinee-bhalbhu).

Inkampani ya phesheya ayifanelanga ukwenza isicelo sokungenisa elizweni apha eMzantsi Afrika. Isicelo sokubhalisa amayeza ezolimo singenziwa kuphela yinkampani yasekhaya ebhalisiweyo, ummi waseMzantsi Afrika okanye umbutho osemthethweni obhalisiweyo apha eMzantsi Afrika.

Umbhalisi: Act 36 of 1947  kufuneka aziswe ngokubhaliweyo malunga neenjongo zokuqhuba iimvavanyo ezifunwayo malunga nobhaliso lwamayeza ezolimo ukwenzela akwazi ukuhlola ukusebenza kwawo ngempumelelo.

Umbhalisi angafuna ulwazi olongezelelweyo ukuze amisele ukuba ingaba iyeza liyamkeleka malunga nokuba luncedo eluntwini, ukufaneleka nokusebenza ngempumelelo ngokwebhayoloji.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Khupha ifomu yesicelo kwi-inthanethi uze uyizalise ngokupheleleyo. Apho kukho imfuneko, ulwazi olufunwayo lungathunyelwa njengeziqhoboshelo ezahlukeneyo ezinikwe iinombolo.
Thumela kumbhalisi:

ifomu yesicelo yeekopi ezintathu kunye neleta echazayo
uyilo lweleyibhile ngeekopi ezintathu
intlawulo emiselweyo yobhaliso
ikopi enye yophando oluxhasayo , i-efficacy data  i-residue data , ugxininiso lweempawu zembonakalo.) Jonga i-Agricultural remedies registration procedure policy document , i-Guidelines for the toxicological evaluation of microbial pest control agents , i-Residue trial data requirements document(Uxwebhu lweeNtswelo zeData yokuVavanya iiNtsalela) kwakunye ne-Guidelines on equivalence of agricultural remedies (neziKhokelo zokuFana kwaMayeza ezoLimo) ngokuphathelele kulwazi lweentswelo.

Iinkqubo I ne-II zisetyenziswa njengeenkqubo zokuhlola nesalathiso sokuqinisekisa ukuba umenzi wesicelo unikele ngedata yonke efanelekileyo.
Xa iyeza kufuneka lamkelwe njengelingeniswa elizweni, thumela ezilandelayo:

izibuko lokungena
umlinganiso weyeza
iprothokholi yovavanyo
iziko lovavanyo
imixube esebenzayo
naluphi na olunye ulwazi olunokufunwa nguMbhalisi
ubungakanani obuya kuba kokungeniswa elizweni.

Izicelo ezingazaliswanga ngokupheleleyo ziya kuphindiswa kumenzi wesicelo yaye akukho xanduva luya kwamkelwa malunga nakuphi na ukuphazamiseka okunokwenzeka.
Izicelo zohlaziyo zingenziwa ukusuka ngomhla woku-1 kuJanuwari ukuya kowama-31 kuMatshi.

Entla

Umthetho osetyenziswayo

Fertilizers, Farm Feeds, Agricultural Remedies and Stock Remedies Act, 1947  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Uphengululo lomxube omtsha osebenzayo lungathatha ukuya kutsho kunyaka omnye. Izicelo zeentsebenziso ezintsha okanye ukwakheka zikholisa ukuhlelwa kwithuba leenyanga ezintandathu.

Entla

Iindleko

R4 960

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Minyaka le iofisi yoMbhalisi ithumela iileta malunga nohlaziyo neefomu zesicelo kubo bonke abanobhaliso.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


