

Isicelo sokubhalisela ukubangumrhafi okanye ukuguqula iinkcukacha ezibhaliselwe irhafu yengeniso-mali

Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Nawuphi na umntu ofikelela kuxanduva lokuba abhaliswe njengomrhafi kwi-South African Revenue Service  kufuneka athi thaca isicelo sokubhaliswa kwi-ofisi yesebe le-SARS ekufuphi kuye kwisithuba seentsuku ezingama 60- efikelele kolo xanduva.

Xa idilesi yomntu itshintshile emva kokubhaliswa kwi-SARS njengomrhafi, makanike i-SARS iinkcukacha zedilesi entsha kwisithuba seentsuku ezingama- 60 ukusukela kumhla wokutshintsha.

Nayo iNcwadi yokuBuyisa yeRhafu yeNgeniso  esiwa kwi-SARS qho ngonyaka iya kulungiselela ukuxelwa koguquko lwedilesi, iinkcukacha zebhanki kunye nezinye iinkcukacha zobuqu. Isininzi sezaziso neencwadi zokubuyisa ze-SARS ziyawenza amalungiselelo okuxelwa kotshintsho lweenkcukacha zedilesi. Ezo nguqu ziya kulungiswa kwinkqubo ebandakanyekayo ye-SARS xa isaziso okanye incwadi yokubuyisa zizokufakwa.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Zalisa yonke inkcazelo efunekayo ecelwa kwifom yesicelo xa ubhalisela ukubangumrhafi kwi-SARS.
Qinisekisa ukuba inkcazelo ngobuqu bakho njengoko ibonisiwe kwizaziso okanye kwiincwadi zokubuyisa ezamkelwa yi-SARS, ichanekile. Ukubangaba inkcazelo iboniswe ngokungachanekanga, phawula inkcazelo echanekileyo kwisaziso okanye kwincwadi yokubuyisa ebandakanyekayo phambi kokuba uyithumele kwi-SARS.
Faka iinguqu kwiinkcukacha zobuqu okanye kwiidilesi ngezi ndlela zilandelayo:

thumela isicelo sokwenza iinguqu kwi-ofisi yesebe le-SARS ekufuphi kuwe
yenza izicelo ngokutsalela umnxeba kwiZiko lokuTsalela uMnxeba le-SARS ebandakanyekayo
thumela ifeksi kumaZiko okuTsalela uMnxeba eSARS ebandakanyekayo okanye kwi-ofisi yesebe le-SARS ekufuphi kuwe.


Entla

Umthetho osetyenziswayo

Income Tax Act, 1962  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Akukho xesha elisisigxina.

Entla

Iindleko

Le nkonzo ayihlawulelwa.

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

.

Application for registration as a taxpayer or changing of registered particulars, IT 77 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


