
Iimfuneko ezongezelelweyo zokubhalisa kwicandelo lokusebenza
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Iintlobo-ntlobo ezininzi zeekhwalifikheyshini ezahlukeneyo kwicandelo lenzululwazi yezokusingqongileyo ezinikwa ziiyunivesiti ngokungakumbi, zenza ukuba ngamanye amaxesha phantse kungakwazeki ukuvavanya ikhwalifikheyshini eyodwa kule nzululwazi  ineendidi ezininzi zamacandelo ezifundo. Ngoko ke, kuyimfuneko ukuqala uqonde ukuba ingaba umntu angavumeleka na abengusosayensi kwelinye lamacandelo okusebenza aludidi oluphangaleleyo. Oku kuthetha ukuba kuyakufuneka ukuba umntu aqeqeshelwe ukuba ngusomachiza , abengusosayensi wezobume nokwakhiwa komhlaba , abengusosayensi wezityalo okanye naliphina kumanye amacandelo ezendalo kwaye afezekise zonke iimfuneko zeekhwalifikheyshini phambi kokuba afaneleke abhaliswe kwicandelo leNzululwazi yezokuSingqongileyo . Oku akuthethi ukubhalisa kabini.

Abantu abanqwenela ukusebenza njengoososayensi bezokusingqongileyo kufuneka babhalise kwiBhunga laseMzantsi Afrika leZifundo zoQeqesho lobuNzululwazi bezeNdalo, ekuthiwa yi-South African Council for Natural Scientific Professions .

Nawuphina umntu ofuna ukubhaliswa abenguSosayensi wezeNdalo oQeqeshiweyo kwicandelo lokusebenza leNzululwazi yezokuSingqongileyo  kufanele abenesidanga  seminyaka emine kwi B.Sc, B.Sc. Honours okanye kwi B.Tech. kwiinzululwazi  zendalo.

Ikhwalifikheyshini:

iyakubandakanya okungenani isifundo sibesinye esingeyiyo inzululwazi  yezokusingqongileyo, kumacandelo okusebenza adweliswe kuLuhlu lweeNkqubo I  loMthetho weZifundo zoQeqesho lobuNzululwazi bezeNdalo, ekuthiwa yi-Natural Scientific Professions Act, 2003 
kufuneka ifundwe ngokunzulu nangokubanzi ngendlela eyandayo kwisithuba seminyaka emine, kwaye
kufuneka isekelwe okungenani kuzo zibembini izifundo ezisisiseko zeenzululwazi zendalo ezifanelekileyo zenqanaba I, ze-physics, i-chemistry, i-mathematics kunye ne-biology okanye i-biology.

Okungenani i 50 % yezi zifundo kule nkqubo kufuneka ihlelwe njengezifundo zenzululwazi yendalo.

Ukwengeza kwezi mfuneko zingentla, umntu onqwenela ukubhaliswa kwicandelo leNzululwazi yezokuSingqongileyo kufanele abenako ukunika ubungqina boqeqesho kuLawulo lwezokuSingqongileyo . Ezi zifundo zingabayinxenye yenkqubo yesidanga seminyaka emine okanye zingenziwa ngokweekhosi ezimfutshane ezinikwe uqinisekiso lokuvunywa. Kufanele ubenengxelo ecacileyo nesulungekileyo yomsebenzi nophando olwayamene nenzululwazi yezokusingqongileyo. Kwakhona, usengenza imiba ebanzi echatshazelwa zizinto ezenziwa ziingcali zezokusingqongileyo.

AbaPhembeleli bezokuSingqongileyo abagqibe iikhosi ezithile kulawulo lwezokusingqongileyo, kodwa bengenalo uqeqesho oluyimfuneko lwenzululwazi yezendalo, umzekelo, abacwangcisi beedolophu, oososayensi bezentlalo yoluntu, oososayensi bezoqoqosho, oososayensi bezakhiwo nolwakhiwo kunye noososayenzi bezobume nokwakhiwa komhlaba, abenezidanga ze B.A., abayikuvumeleka babhaliswe njengoososayensi bezendalo abaqeqeshiweyo. Abo baPhembeleli bezokuSingqongileyo kufanele babenabantu abanoqeqesho lwenzululwazi yezendalo kwiitim zabo. Abenzi-zicelo kuyakufuneka banike ubungqina bobandakanyeko lobuqu babo okungenani kwiiprojekthi ezimbini okanye nangaphezulu. Iiprojekthi ezigqityiweyo  ziyakuqwalaselwa, kodwa ke xangaba igalelo lobuqu liboniswe ngokucacileyo nangokuvokothisiweyo.

Ukubhaliswa ziiNgcali zaseMzantsi Afrika zoChatshazelo lezokuSingqongileyo, ekuthiwa zii-Environmental Assessment Practitioners of South Africa  kuyakuthathwa ngokuba bubungqina obaneleyo bale meko ingentla.

Ukwengeza phezu koku, kufuneka kunikwe inkcazelo ngeenkomfa ekuyiwe kuzo, imibhalo yeentetho zenzululwazi kunye nemiba epapashiweyo. Kuyakubanjwa udliwano-ndlebe nawe ubuqu ligqiza labantu ababini nangaphezulu, abatyunjwe yiKomiti ebandakanyekayo ye-SACNASP yokuCebisa yeZifundo zoQeqesho ekuthiwa yi-Professional Advisory Committee .

Zonke izicelo kufuneka zivavanywe yi-PAC, zivunywe yiKomiti yoBhaliso ye-SACNASP, kwaye ziqinisekiswe ukuvunywa okugunyazisiweyo liBhunga elipheleleyo. Isiphumo sovavanyo asiyikwaziswa kude kubesemva kwentlanganiso yeBhunga.

IBhunga lingala ukubhalisa isicelo phantsi kwezi meko zilandelayo:

Ukubangaba, emva kokuqalisa koMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika, 1996 , umenzi-sicelo ufunyaniswe enetyala lokwaphula umthetho, ngaphakathi kwiRiphabhlikhi okanye kwenye indawo, waze wagwetyelwa ukuvalelwa entolongweni isithuba esidlula iinyanga ezintathu, okanye ifayini endaweni yokuvalelwa entolongweni.
Ukubangaba iNkundla ePhakamileyo ibhengeze umenzi-sicelo ukuba akamanga kakuhle engqondweni okanye uphazamisekile ngokwengqondo, okanye ukubangaba uvalelwe phantsi koMthetho weMpilo yeNgqondo, ekuthiwa yi-Mental Health Act, 2002 .
Ukubangaba ubhaliso lomenzi-sicelo lunqunyanyisiwe ngenxa yaso nasiphina isohlwayo asiwiselweyo phantsi kwalo Mthetho.
Ukubangaba umenzi-sicelo ususwe esikhundleni sokuthembeka, ngenxa yokuziphatha okungafanelekanga.
Ukubangaba umenzi-sicelo ungumntu ongakwaziyo ukuhlawula amatyala nongabuyiselwanga kwimeko yesiqhelo, kwaye oko kungakwazi ukuhlawula amatyala kwabangelwa kukungakhathali kwakhe okanye ukungabinalwazi nezakhono zokwenza umsebenzi owela kwimiba echatshazelwa licandelo enzela lona isicelo sobhaliso.
IBhunga liyakukwazisa ngencwadi ebhaliweyo ukubangaba isicelo sakho sobhaliso saliwe.
Ungafaka isibheno esiphikisa isigqibo seBhunga, kwisithuba seentsuku ezingama 30.
Kufuneka wenze isicelo sokuvuselela ubhaliso lwakho kwiBhunga, okungenani kwiinyanga ezintathu phambi kokuphelelwa kobhaliso lwakho.

Amacandelo obhaliso ngala alandelayo:

USosayensi wezeNdalo oQeqeshiweyo 
USosayensi wezeNdalo onguMlingwa 
USosayensi wezeNdalo oQinisekisiweyo 

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo efumaneka kwiBhunga laseMzantsi Afrika leZifundo zoQeqesho lobuNzululwazi bezeNdalo, elibizwa ngokuba yi-South African Council for Natural Scientific Professions .
Faka kwisicelo sakho intlawulo eqingqiweyo yobhaliso.
IBhunga liyakukubhalisa kwaye likhuphe isatifiketi ukubangaba lanelisekile ukuba unazo iimfuneko ezibandakanyekayo zemfundo namava njengoko kuqulungqwe liBhunga.

Entla

Umthetho osetyenziswayo




Academy of Science of South Africa Act, 2001 
Natural Scientific Professions Act, 2003 
Constitution of the Republic of South Africa, 1996 
Mental Health Care Act, 2002 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ubhaliso lungathabatha iiveki ezintandathu ukuya kwezisibhozo, kuxhomekeke ekungenisweni kwemiqulu efunekayo.

Entla

Iindleko

Registration fees including Vat:

Professional Natural Scientist: R665 per field of practice
Candidate Natural Scientist: R365 per field of practice
Certificate Natural Scientist: R430 per field of practice
Upgrading of registration status: R665 per field of practice

Annual fees including Vat:

Professional Natural Scientist: R600 per field of practice
Candidate Natural Scientist: R240 per field of practice
Certificate Natural Scientist: R385 per field of practice
Pensioner : R130

Kwiinkonzo zebhanki zobuxhakaxhaka bombane kunye needipozithi nqo: Nceda usebenzise oonobumba bokuqala bamagama akho kunye nefani yakho ukuze uchaze intlawulo yakho kwisitetimenti sethu sebhanki, uze uthumele ubungqina bentlawulo ngefeksi, buhambe kunye nephepha lokuqala lefom yakho yesicelo, kwinombolo ethi:  841 1057.

Iinkcukacha zebhanki:
Umzuzi: SACNASP
Bank: Nedbank
Branch: Silverton
Branch code: 164445
Account number: 1644292289

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for Professional Registration 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


