
Isicelo sokubhalisela ukubangumsebenzisi-rhoqo weNkqubo yoBhaliso lweNkcazelo esekelwe kwi-Internet 
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Iziko lobhaliso lwezigqibo zasemthethweni livulelekile kuye nawuphina umntu ukuze afumane inkcazelo. Abasebenzisi be-DeedsWeb bangafumana le nkcazela ilandelayo ye-online kwi-website:

Inkcazelo ephathelelene nobhaliso lwepropati engashukumiyo, efana nale ilandelayo:

amagama, iinkcukacha zokuzazisa kunye nobume bomtshato babanikazi ababhalisileyo
amanani emiyalelo yenkundla yokuthintela izenzo ezithile efakelwe abantu kunye nepropati
iinkcukacha zokutshintshelwa kwepropati, kubandakanywa imihla yobhaliso kunye namaxabiso okuthenga
iinkcukacha zobambiso ngepropati njengesetyhorithi yemali-mboleko, kubandakanywa amagama wabantu ababambise ngeepropati njengesetyhorithi yemali-mboleko kunye neemali eziyinkunzi

Iikopi zobuxhakaxhaka bombane  zezigqibo zasemthethweni kunye nemiqulu ekhutshwe ngokweefoto ezincinane.

Ukuze ufumane ezi zibakala, kufuneka ubhaliswe njengomsebenzisi-rhoqo we-DeedsWeb, njengoko kuhlawuliswa imali ebekiweyo. 

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Yiya kwi-www.deeds.gov.za. Kubonakala uluhlu lokukhetha lwamanyathelo angathatyathwa kwiphepha le-web.
Khetha inyathelo elithi "Register as a new user" ngokucofa kuluhlu lwendlela yokukhetha. Kuyakuvuleka iphepha elitsha eliqulathe ifom yokubhalisa kubuso bomatshini wakho.
Gcwalisa ifom yobhaliso kwi-online.
Cofa kwinyathelo elithi "Submit your application" wakube wonelisekile ukuba uyigcwalisile ifom ngokuchanekileyo.
Uyakunikwa igama lomsebenzisi. Eli gama iyakuba yinombolo yakho ye-akhawunti yazo zonke iinjongo zezemali. Kwakhona, uyakunikwa igama eliyimfihlo lokungena  ekufuneka emva koko ulitshintshe kwamsinyane kangangoko unako.
Hlawula imali yokubhalisa. Imiyalelo yebhanki kunye neenkcukacha ziyabonakala kwi-website.
Wakube udipozithe intlawulo yobhaliso kwi-akhawunti yebhanki yoMphathi oMkhulu woBhaliso lweZigqibo zaseMthethweni , tsalela umnxeba kwi-Ofisi yoMphathi oMkhulu woBhaliso ukuze umazise ukuba uhlawule. Inombolo yonxulumano iyanikwa kwi-website.

i-Ofisi yoMphathi oMkhulu woBhaliso iyakuchukumisa i-akhawunti yakho kwaye uyakutsho ke ukwazi ukufumana inkcazelo kwi-website.
ekupheleni kwenyanga nganye uyakufumana isitetimenti. Esi sitetimenti sikwafumaneka nakwi-website ukwenzela ukuba ukwazi ukumana ujonga iintlawuliso kwaye ukhunjuzwe uhlawule i-akhawunti.


Entla

Umthetho osetyenziswayo

Deeds Registries Act, 1937  

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Wakube ubhalisiwe, inkcazelo ifumaneka kwangoko.

Entla

Iindleko

Intlawulo yobhaliso: R240
Intlawulo yokulawula le nkqubo ngenyanga: R10
Ukufunisa: ubuncinane yi R1, iphelela kwi R3 ngokohlelo olwahluka ngokosetyenziso olunxulumene nenani lezihlandlo zokufunisa okwenziweyo ngenyanga
Ufuniso olungaphumelelanga: R1
Intlawulo yokuxokomezela ngokutsha ukubangaba i-akhawunti isilela emva ngemali engahlawulwanga kwaye inqunyanyisiwe emva kweentsuku ezingama 30: R80

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Ifom yobhaliso ingafunyanwa kwi-online e- DeedsWeb

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


