﻿
Isicelo sokubhalisela ukubangusosayensi wezendalo oqeqeshiweyo, kwicandelo leNzululwazi esetyenziswa kuPhando loBugebenga
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Abantu abanqwenela ukusebenza njengoososayensi bezendalo bafuneka ukuba babhalise kwiBhunga laseMzantsi Afrika leZifundo zoQeqesho lobuNzululwazi bezeNdalo, ekuthiwa yi-South African Council for Natural Scientific Professions . IBhunga linezinjongo zilandelayo:

ukuphakamisa ukusetyenziswa kwezifundo zoqeqesho lwenzululwazi  yezendalo eMzantsi Afrika;
ukulawula umgangatho wokuziphatha kwasemsebenzini kooSosayensi bezeNdalo abaQeqeshiweyo, ooSosayensi bezeNdalo abangaBalingwa kunye nooSosayensi okanye ooSosayensi bezeNdalo abaQinisekisiweyo;
ukubeka iliso kumgangatho wemfundo noqeqesho loososayensi bezendalo, kunye
nokuvuma imfundo noqeqesho oluyimfuneko phambi kokuba kubhaliswe ngokoMthetho waMaziko aseMzantsi Afrika weZifundo noQeqesho oluLodwa lweNzululwazi, ekuthiwa yi-Academy of Science of South Africa Act, 2001 .

Abantu abangabhaliswanga abanako ukwenza umsebenzi ochongelwe abantu ababhalisiweyo. .

Kutheni kufanele ubhalise?

Ukuze wenze umsebenzi wezifundo zoqeqesho
Ukuze usebenzise igama eligunyazisiweyo kunye netayitile ethi 'usosayensi wezendalo'  okanye ufake isishunqulelo esiqingqiweyo emva kwegama lakho 
Ukuze uqhube umsebenzi ngokwesikhundla sokuba yikhonsalthenti
Ukuze uxhamle ubume bemfundo yoqeqesho kwaye ubandakanyeke kwiinzuzo ezinikwa ngamaziko ezemali
Ukuze uxhamle ukuxhaswa yi-SACNASP kunye nokuqinisekiswa okungakheth'icala kolwazi nezakhono zakho
Ukuze kukhuselwe kwaye komelezwe ezi zifundo zoqeqesho

Ukuze uvumeleke ubhaliselwe ukusebenza kwicandelo leNzululwazi  esetyenziswa kuPhando loBugebenga, kufuneka ufezekise ezi mfuneko zilandelayo:

Nawuphina umntu onqwenela ukubhalisa abenguSosayensi wezeNdalo oQeqeshiweyo kwicandelo leNzululwazi esetyenziswa kuPhando loBugebenga  kufanele abenesidanga  seminyaka emine kwi B.Sc, B. Sc. Honours okanye kwi B.Tech kwiinzululwazi zendalo.
Loo khwalifikheyshini kufanele ibandakanye okungenani isifundo sibesinye kumacandelo okusebenza adweliswe kuLudwe lweeNkqubo I  IkuMthetho we Natural Scientific Professions Act ka 2003, kwaye
kufuneka ifundwe ngokunzulu nangokubanzi ngendlela eyandayo kwiminyaka emine;
kufuneka isekelwe okungenani kuzo zibembini izifundo ezisisiseko zeenzululwazi zendalo ezifanelekileyo zenqanaba I, ze-physics, i-chemistry, i-mathematics kunye ne-biology okanye i-biology, kwaye
o okungenani i 50% yezifundo kule nkqubo kufuneka zihlelwe njengezifundo zenzululwazi yendalo 
Uqeqesho olongezelelweyo:

Kufanele ukwazi ukunika ubungqina boqeqesho kwiNzululwazi esetyenziswa kuPhando loBugebenga okanye kuPhando olusebenzisa iNzululwazi yoBugebenga, umzekelo, ukuphonononga imiqulu, uphando lomlilo, uphando lokuqaphela ukuphawulwa kwezinto, uphando lokutshutshisa, imigaqo yomthetho neyenkundla, ingqina lobungcaphephe, okanye ezinye iikhosi ezimfutshane ezinikwe uqinisekiso lokuvunywa.
Kufuneka ubenengxelo ecacileyo nesulungekileyo yomsebenzi nophando olwayamene nenzululwazi esetyenziswa kuphando lobugebenga.
Imiba yolwazi eyimfuneko kwingcali yenzululwazi esetyenziswa kuphando lobugebenga ibandakanya iinkqubo zemisebenzi yeekhosi ezisetyenziswa kuphando lobugebenga: Kubalulekile ukuba usosayensi oqeqeshwayo wenzululwazi esetyenziswa kuphando lobugebenga aqonde ngemiba yolwazi eyimfuneko kwiNzululwazi esetyenziswa kuPhando loBugebenga, kwaye afumane izakhono namava ekusetyenzisweni kwezi zibakala zilandelayo zisisiseko kuphando lobugebenga:

Ulwazi kusombululo lweengxaki
Ubungqina besegumbini lenkundla
Intshayelelo kwezomthetho
Ukuqinisekiswa komgangatho
Imimiselo elawula okanye ephembelela indlela yokuziphatha
Ukusebenza ngendlela enemfundo noqeqesho
Ukuchonga ubungqina, ukubuqokelela, kunye nokubuqhubekisa
Izakhono zokusombulula iingxaki, zobunzululwazi nezaselabhorathri
Ukusebenzisa inzululwazi  kwiinkqubo zomthetho
Iindlela zobuchule zophando lobugebenga
Uphando kwindawo ekwenzekele kuyo ubugebenga
Izibakala zobungqina obuzizinto ezibambekayo
Ulwazi lokucubungula amachiza kunye neendlela zokusebenzisa izixhobo zokucubungula
Ukucubungula iziyobisi, ukucubungula ubuhlungu nobutyhefu bamachiza, ukusebenzisa isixhobo sokubonisa izinto ezincinane ekuthiwa yimayikhroskopu, kunye nokucubungula izinto ezithile
Ukusebenzisa inzululwazi yezidalwa eziphilayo kuphando lobugebenga
Amava omsebenzi
Imikhonw'ekati :

Ukuphonononga nokuhlela izixhobo okanye iimbumbulu namakhoba azo
Ukunxulumanisa isixhobo nobugebenga, ukuya kwenza umsebenzi kwiindawo ekwenzekele kuzo ubugebenga kunye nokuvavanya amandla obungqina bophando lobugebenga
Ukuphando ngengozi:

Inkxaso yobuchule kuphando lweengozi zezithuthi zendlela, ukwakha umfanekiso wezinto ezenzekileyo ezikhokelele kungquzulwano lwezithuthi, ukuphonononga nzulu nangokubanzi izakhi zezithuthi, ulwazi oluthile lobuchwepheshe bezinto ezizenzekela ngomatshini. 

Ukuphanda ngomlilo
Izifundo ngemiqulu yemibuzo – ukuchaza imvelaphi yemibhalo yesandla
Ukwenza kufezekiseke kwaye kubelula ukubona nokuhlangula ubungqina
Ukuphakamisa izinga lokuxabiseka kobungqina
Ukubhala ngokobunzululwazi 
Uphando olwayamene nocubungulo lobugebenga
Amava kwiindawo neemeko ezinelabhorathri
Umsebenzi wocubungulo osekelwe kwinzululwazi yezidalwa eziphilayo nakumachiza
Ukuya kusebenza kwiindawo ekwenzekele kuzo iingozi ngokwesikhundla sokucebisa
Uxanduva lokuphatha kwizinto ezinxulumana nokuphononongwa kwaselabhorathri okwayamene nezenzo zobugebenga
Ukucubungula – inzululwazi yezidalwa eziphilayo, ucubungulo lwamachiza, iziyobisi kunye nobuhlungu nobutyhefu bamachiza
Ubungqina bezobunzululwazi obungakheth'icala elithile kwiinkundla zamatyala ukuze kuxhaswe utshutshiso okanye iqela elikhusela umtyholwa kuphando lobugebenga
Umsebenzi wokuqhubekisa inkcazelo ngokweefoto 
Amacandelo obhaliso ngala alandelayo:

USosayensi wezeNdalo oQeqeshiweyo, ekuthiwa yi-Professional Natural Scientist 
USosayensi wezeNdalo onguMlingwa, ekuthiwa yi-Candidate Natural Scientist 
USosayensi wezeNdalo oQinisekisiweyo, ekuthiwa yi-Certificated Natural Scientist 

Ukuze ufumane inkcazelo ebanzi, yiya kwi-South African Council for Natural Scientific Professions.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Gcwalisa ifom yesicelo efumaneka kwiBhunga laseMzantsi Afrika leZifundo zoQeqesho lobuNzululwazi bezeNdalo, elibizwa ngokuba yi-South African Council for Natural Scientific Professions .

Faka kwisicelo sakho intlawulo eqingqiweyo yobhaliso.

IBhunga liyakukubhalisa kwaye likhuphe isatifiketi sobhaliso ukubangaba lanelisekile ukuba unazo iimfuneko ezibandakanyekayo zemfundo namava njengoko kuqulungqwe liBhunga.

Kuyakubanjwa udliwano-ndlebe nawe ubuqu ligqiza labantu ababini nangaphezulu, abatyunjwe yiKomiti ebandakanyekayo ye-SACNASP yokuCebisa yeZifundo zoQeqesho ekuthiwa yi-Professional Advisory Committee .
Zonke izicelo kufuneka zivavanywe yi-PAC, zivunywe yiKomiti yoBhaliso ye-SACNASP, kwaye ziqinisekiswe ukuvunywa okugunyazisiweyo liBhunga elipheleleyo.
Isiphumo sovavanyo asiyikwaziswa kude kubesemva kwentlanganiso yeBhunga.
IBhunga lingala ukubhalisa isicelo phantsi kwezi meko zilandelayo:

Ukubangaba, emva kokuqalisa koMgaqo-siseko weRiphabhlikhi yaseMzantsi Afrika, 1996, umenzi-sicelo ufunyaniswe enetyala lokwaphula umthetho, ngaphakathi kwiRiphabhlikhi okanye kwenye indawo, waze wagwetyelwa ukuvalelwa entolongweni isithuba esidlula iinyanga ezintathu, okanye ifayini endaweni yokuvalelwa entolongweni.
Ukubangaba iNkundla ePhakamileyo ibhengeze umenzi-sicelo ukuba akamanga kakuhle engqondweni okanye uphazamisekile ngokwengqondo, okanye ukubangaba uvalelwe phantsi koMthetho weMpilo yeNgqondo, ekuthiwa yi-Mental Health Act, 1973 .
Ukubangaba ubhaliso lomenzi-sicelo lunqunyanyisiwe ngenxa yaso nasiphina isohlwayo asiwiselweyo phantsi kwalo Mthetho.
Ukubangaba umenzi-sicelo ususwe esikhundleni sokuthembeka, ngenxa yokuziphatha okungafanelekanga.
Ukubangaba umenzi-sicelo ungumntu ongakwaziyo ukuhlawula amatyala nongabuyiselwanga kwimeko yesiqhelo, kwaye oko kungakwazi ukuhlawula amatyala kwabangelwa kukungakhathali kwakhe okanye ukungabinalwazi nezakhono zokwenza umsebenzi owela kwimiba echatshazelwa licandelo enzela lona isicelo sobhaliso.

IBhunga liyakukwazisa ngencwadi ebhaliweyo ukubangaba isicelo sakho sobhaliso saliwe
Ungafaka isibheno esiphikisa isigqibo seBhunga, kwisithuba seentsuku ezingama 30.
Kufuneka wenze isicelo sokuvuselela ubhaliso lwakho kwiBhunga, okungenani kwiinyanga ezintathu phambi kokuphelelwa kobhaliso lwakho.

Entla

Umthetho osetyenziswayo



Academy of Science of South Africa Act, 2001  UMthetho waMaziko aseMzantsi Afrika weZifundo noQeqesho oluLodwa lweNzululwazi
Natural Scientific Professions Act, 2003 

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Ubhaliso lungathabatha iiveki ezintandathu ukuya kwezisibhozo, kuxhomekeke ekungenisweni kwemiqulu efunekayo.

Entla

Iindleko

Intlawulo eqingqiweyo yangomhla we 1 Epreli 2007 ukuya kutsho kowama 31 Matshi 2008, ingolu hlobo lulandelayo:

USosayensi wezeNdalo oQeqeshiweyo : 620 kwicandelo ngalinye lokusebenza
USosayensi wezeNdalo onguMlingwa : 340 kwicandelo ngalinye lokusebenza
USosayensi wezeNdalo oQinisekisiweyo : 400 kwicandelo ngalinye lokusebenza
Intlawulo yoBhaliso: Ukunyusa umgangatho ukusukela kwi-"Cand.Sci.Nat" ukuya kwi-"Pr.Sci.Nat": 620

Kwiinkonzo zebhanki zobuxhakaxhaka bombane kunye needipozithi nqo: Nceda usebenzise oonobumba bokuqala bamagama akho kunye nefani yakho ukuze uchaze intlawulo yakho kwisitetimenti sethu sebhanki, uze uthumele ubungqina bentlawulo ngefeksi, buhambe kunye nephepha LOKUQALA lefom yakho yesicelo, kwinombolo ethi:  841 1057.

Iinkcukacha zebhanki:
Umzuzi: SA COUNCIL FOR NATURAL SCIENTIFIC PROFESSIONS or SACNASP
NEDBANK, Silverton; Branch code: 164445: Account No: 1644292289 

Entla

Iifom ezigcwaliswayo



Application for Professional Registration 

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


