﻿
Isicelo sokubhalisela ukusebenzisa amanzi
Inkcazelo
Inkqubo emayilandelwe
Umthetho osetyenziswayo
Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo
Iindleko
Iifom ezigcwaliswayo
Iinkcukacha zonxulumano

Inkcazelo

Bonke abasebenzisi bamanzi, abangafumani unkinkisho lwabo lwamanzi kumniki-nkonzo, kugunyaziwe wendawo yabahlali, kwibhodi yamanzi, kwibhodi yonkcenkceshelo, kuyilo lwenkqubo karhulumente okanye komnye umnkinkishi wesixa samanzi, kufuneka babhalise ukusebenzisa kwabo amanzi kwiSebe lezaManzi naMahlathi ekuthiwa yi-Department of Water Affairs and Forestry . Aba basebenzisi kufuneka babe basebenzisa amanzi ngezi njongo zilandelayo:

kunkcenkceshelo
ngeenjongo zokwemba imigodi
kusetyenziso lwezamashishini
kwindawo ekondlelwa kuyo  imfuyo
kulo naluphina olunye usetyenziso oluboniswe  ngokweCandelo 39 lomThetho i-National Water Act of 1998.
Olunye usetyenziso lwamanzi ekufuneka lubhaliswe lubandakanya:

ukuchithwa kwenkunkuma okanye amanzi anenkunkuma
ukutshintshwa kweendlela ekuhamba ngazo imilambo nemisinga okanye uguqulelo kwizandlalelo zemilambo okanye iindonga zemilambo okanye iimpawu zecala amanzi aya ngakulo.

Ukugcinwa kwamanzi – Nawuphi na umntu okanye iqumrhu eligcina amanzi ngazo naziphi na iinjongo  ekubalekeni phantsi emhlabeni, amanzi aphantsi emhlabeni, okanye ukuqukuqela kwemithombo egqitha ngaphaya kwe 10 000 cubic meters okanye apho ummandla wamanzi kwinqanaba lonkinkisho olupheleleyo udlula i-akire e 1 iphelele, kumhlaba onobunikazi baloo mntu okanye ohlalwa nguloo mntu okanye liqumrhu elingenapemethe okanye imvume.
Imisebenzi yokunciphisa ukuqukuqela kwemisinga  – Yonke imisebenzi yolwakhiwo lwamahlathi  ngeenjongo zorhwebo, kubandakanywa iinkonzo zamahlathi adityanelweyo ngeenjongo zenzuzo yorhwebo, ezaqhubeka phambi kuka 1972, kufuneka zibhaliswe. Abanikazi bamahlathi abaneepemethe ezakhutshwa phantsi komThetho waMahlathi ekuthiwa yi-Forestry Act, 1998 , akukho mfuneko yokuba babhalise, njengoko siya kubathumela imiqulu yokubhalisa egcwalisiweyo, ukuze bayilungise ukuba kuyimfuneko, bayisayine baze bayibuyisele kwisebe.
Usetyenziso ngoogunyaziwe beendawo zabahlali kunye nabanye abankinkishi besixa abanemithombo yabo yamanzi kunye nemisebenzi yokungcwenga nokucoca.
IMisebenzi eLawulwayo, efana nokunkcenkceshela ngenkunkuma, ukuvelisa amandla ombane ngamanzi, ukulungelelaniswa komoya ojikeleze umhlaba okanye ukumpompa amandla kumatye afunxa nakhupha amanzi.

Entla

Inkqubo emayilandelwe

Khangela usetyenziso lwamanzi oluchanekileyo.
Nxulumana ne-ofisi ekufuphi kuwe yengingqi yeSebe lezaManzi naMahlathi ekuthiwa yi-Department of Water Affairs and Forestry .
Zalisa iifom ezibandakanyekayo ngokuncediswa ligosa lengingqi.
Hambisa iifom kwi-ofisi ekufuphi kuwe yengingqi ye-DWAF, zikunye nale miqulu ilandelayo:

iinkcukacha zomenzi-sicelo
ipropati apho kuqhubeka khona usetyenziso lwamanzi
iinkcukacha zomnikazi wepropati
isibhengezo somenzi-sicelo
isibhengezo somnikazi wepropati
inkcazelo yesaziso sokuhlawula
ikopi eqinisekisiweyo yencwadi yesazisi
ikopi eqinisekisiweyo yomqulu wesigqibo sasemthethweni sepropati
ikopi eqinisekisiweyo yesivumelwano sengqeshiso
ukuhambisana nazo zonke iimfuneko zeenkonzo ezahlukeneyo ekwenziwa isicelo sazo.


Entla

Umthetho osetyenziswayo



National Water Act, 1998  UmThetho weLizwe waManzi

Entla

Ixesha elithatyathwayo kunye nomgangatho ofikelelwayo

Inkqubo yobhaliso iya kuthabatha inyanga e- 1.

Entla

Iindleko

R114. 00 .

Entla

Iifom ezigcwaliswayo

Iifom zesicelo ziyafumaneka kwii-ofisi zengingqi ze-DWAF.

Entla

Iinkcukacha zonxulumano


